Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuPha Abantu Abadingayo

UkuPha Abantu Abadingayo

Yintoni esibonisa ukuba uYehova ungoyena Mntu uphayo?

Kukupha okunjani okungamvuyisiyo uThixo?

Mat 6:1, 2; 2Ko 9:7; 1Pe 4:9

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 4:3-7; 1Yo 3:11, 12—Kutheni umnikelo kaKayin ungamvuyisi uThixo

    • IZe 5:1-11—UAnaniyas noSafira bayohlwaywa kuba baye baxoka ngomnikelo wabo futhi bebeneenjongo ezingafanelekanga

Kukupha okunjani okumvuyisayo uThixo?

Mat 6:3, 4; Rom 12:8; 2Ko 9:7; Heb 13:16

Jonga neZe 20:35

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Luk 21:1-4—UYesu uyamncoma umhlolokazi olihlwempu onikela ngobubele nangona umnikelo wakhe umncinci kakhulu

Ayenikela njani amaKristu okuqala?

IZe 11:29, 30; Rom 15:25-27; 1Ko 16:1-3; 2Ko 9:5, 7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IZe 4:34, 35—Ibandla lamaKristu linikela ngobubele, baze abapostile baqinisekise ukuba abo badingayo bayayifumana imali

    • 2Ko 8:1, 4, 6, 14—Kulungiselelwa ukunceda amaKristu adingayo

Ngowuphi umsebenzi okhethekileyo anawo amaKristu kwiintsapho zawo nakwabo akhonza nawo?

IBhayibhile isifundisa ukuba sifanele siwakhathalele njani amahlwempu?

Yintoni ebonisa ukuba eyona ndlela ibhetele yokunceda abantu kukubanceda bamazi uThixo?

Mat 5:3, 6; Yoh 6:26, 27; 1Ko 9:23

Jonga neMi 2:1-5; 3:13; INt 7:12; Mat 11:4, 5; 24:14

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Luk 10:39-42—UYesu unceda uMarta abone ukuba izinto ezisisondeza kuThixo zifanele zize kuqala