Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IziGqibo

IziGqibo

Iingqondo neentliziyo zethu singazilungiselela njani ukwenza izigqibo ezintle?

Kutheni kufuneka singangxami xa sisenza izigqibo ezibalulekileyo?

Kutheni kufuneka singaxhomekeki kwiintliziyo zethu ezingagqibelelanga xa sisenza izigqibo?

IMi 28:26; Yer 17:9

Jonga neNum 15:39; IMi 14:12; INt 11:9, 10

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • 2Kr 35:20-24—UKumkani uYosiya olungileyo akasihoyi isilumkiso esivela kuYehova aze alwe noFaro Neko

Ubaluleke kangakanani umthandazo xa siza kwenza izigqibo ezibalulekileyo?

Fil 4:6, 7; Yak 1:5, 6

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Luk 6:12-16—UYesu uthandaza ubusuku bonke ngaphambi kokuba akhethe abapostile bakhe abayi-12

    • 2Ku 19:10-20, 35—UKumkani uHezekiya ukwimeko eyoyikisa kakhulu, ubalekela kuYehova ngomthandazo aze asindiswe

Ngubani oyena Mntu unokusikhokela ukuba senze izigqibo ezintle, futhi usinceda njani ukuba sikwazi ukwenza izigqibo?

Nd 119:105; IMi 3:5, 6; 2Ti 3:16, 17

Jonga neNd 19:7; IMi 6:23; Isa 51:4

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • IZe 15:13-18—Iqumrhu elilawulayo eYerusalem lixhomekeka kwiZibhalo kwisigqibo esikhulu kakhulu ekufuneka lisenzile

Izigqibo ezimalunga:

Impangelo

Jonga umxholo othi “UmSebenzi

Indlela yokusebenzisa ixesha

Izinto ezisisondeza kuYehova

Nayo yonke into ekhoyo ebomini

Ukuzonwabisa

Jonga umxholo othi “UkuziHlaziya

Umtshato

Jonga umxholo othi “UmTshato

Unyango

Lev 19:26; Dut 12:16, 23; Luk 5:31; IZe 15:28, 29

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • IZe 19:18-20—AmaKristu ase-Efese ayaziveza ukuba aphume aphela kwizinto ezinemilingo needemoni

Abakhonzi bakaThixo abaqolileyo banokusinceda njani sikwazi ukwenza izigqibo ezintle?

Yob 12:12; IMi 11:14; Heb 5:14

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • 1Ku 1:11-31, 51-53—UBhatshebha uyalimamela icebiso likamprofeti uNathan, elikhusela yena nonyana wakhe uSolomon

Kutheni singafanelanga sixhomekeke ekwenzelweni izigqibo ngabanye abantu?

Kutheni sifanele sizimisele ukusebenzisa amacebiso kaThixo, singawadeleli?

Nd 18:20-25; 141:5; IMi 8:33

Jonga noLuk 7:30

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 19:12-14, 24, 25—ULote uzama ukulumkisa abakhwenyana abaza kutshata iintombi zakhe ngentshabalalo ezayo, kodwa abamhoyi

    • 2Ku 17:5-17—AmaSirayeli ayathinjwa ngenxa yokuhlala engammameli uYehova

Kutheni kufuneka sisimamelisise isazela sethu xa sisenza izigqibo?

Kungasinceda njani ukucinga kwangaphambili ngemiphumo yesigqibo?

Indlela esibachaphazela ngayo abanye abantu

Indlela esibuchaphazela ngayo ubuhlobo bethu noYehova

Indlela esilichaphazela ngayo ikamva lethu

Kutheni kufuneka sizimele izigqibo esizenzayo?