Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuKhuthaza

UkuKhuthaza

Kutheni kubalulekile ukuba abakhonzi bakaThixo bakhuthazane?

Isa 35:3, 4; Kol 3:16; 1Te 5:11; Heb 3:13

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 32:2-8—UKumkani uHezekiya uyabakhuthaza abantu bakhe abasengozini

    • Dan 10:2, 8-11, 18, 19—Ingelosi iyamkhuthaza ize imqinise umprofeti uDaniyeli osele ekhulile nophelelwe ngamandla

Yintoni elindelekileyo kwabo banegunya malunga nokhuthazo?

Isa 32:1, 2; 1Pe 5:1-3

Jonga noMat 11:28-30

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Dut 3:28; 31:7, 8—Umprofeti uMoses wenza kanye le nto ayiyalelwa nguYehova, ukhuthaza aze aqinise uYoshuwa oza kungena emva yakhe

    • IZe 11:22-26; 14:22—Ngexesha lentshutshiso, umpostile uPawulos noBharnabhas bakhuthaza amaKristu akwa-Antiyokwe

Kutheni kubalulekile nokuncoma ngokusuka entliziyweni xa sikhuthaza umntu?

IMi 31:28, 29; 1Ko 11:2

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • ABa 11:37-40—Iintombi zakwaSirayeli zazisiya kwintombi kaMgwebi uYifeta unyaka nonyaka ukuze ziyincome ngokuzincama kwayo

    • ISi 2:1-4—Nangona kwakufuneka uYesu awalungise amaKristu ase-Efese, wawaxelela nokuba aqhuba kakuhle

Abakhonzi abathembekileyo bakaYehova banokukhuthazana njani?

IMi 15:23; Efe 4:29; Fil 1:13, 14 Kol 4:6; 1Te 5:14

Jonga nama-2Ko 7:13, 15, 16

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 23:16-18—UYonatan ukhangela umhlobo wakhe osemtsha uDavide aze amkhuthaze ngexesha elinzima

    • Yoh 16:33—UYesu ukhuthaza abalandeli bakhe ngokubakhumbuza ukuba uloyisile ihlabathi futhi ubaqinisekisa ukuba nabo bangakwazi ukuloyisa

    • IZe 28:14-16—Xa esendleleni eya eRoma ukuze kuxoxwe ityala lakhe, umpostile uPawulos uba nesibindi xa ebona abazalwana abathembekileyo kuYehova abeze kumkhuthaza

Kutheni kubalulekile ukukuphepha ukungabi nantlonipho okanye ukukhalaza?

Fil 2:14-16; Yude 16-19

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Num 11:10-15—UMoses utyhafe kakhulu ngenxa yokukhalaza nokungathobeki kwabantu

    • Num 13:31, 32; 14:2-6—Amazwi angakhuthaziyo eentlola eziyi-10 ezingenalukholo ayabatyhafisa abantu aze abenze bavukele

Kutheni ukunxulumana namanye amakholwa kunokusinika isibindi?

IMi 27:17; Rom 1:11, 12; Heb 10:24, 25; 12:12

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 20:1-19—Xa uKumkani uYehoshafati ejongene nokuhlaselwa ngumkhosi omkhulu, uqokelela abantu ndawonye ukuze kuthandazwe

    • IZe 12:1-5, 12-17—Emva kokuba kubulelwe umpostile uYakobi kwavalelwa nompostile uPetros, ibandla laseYerusalem liyadibana ukuze lithandaze

Ukuhlala sicinga ngethemba lethu kusinika njani amandla okuqhubeka sinyamezele xa kunzima?

IZe 5:40, 41; Rom 8:35-39; 1Ko 4:11-13; 2Ko 4:16-18; 1Pe 1:6, 7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 39:19-23; 40:1-8—Nangona uYosefu etyholwa ngento engekhoyo futhi ebanjwe engenzanga nto, uqhubeka ethembekile futhi ezimisele ukunceda abanye

    • 2Ku 6:15-17—Umprofeti uElisha akoyiki nangona esengozini, futhi uthandazela ukuba nesicaka sakhe singoyiki

Ukukhuthazwa liLizwi LikaYehova

Yintoni uYehova asiqinisekisa ngayo ngothando?

Ukucinga nzulu ngomonde nenceba kaYehova kunokusikhuthaza njani?

Yintoni uYehova anokuyenzela abo baziva bephelelwe ngamandla?

Nd 46:1; Isa 12:2; 40:29-31; Fil 4:13

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 1:10, 11, 17, 18—UYehova uyawumamela umthandazo kaHana okathazekileyo nophazamisekileyo aze amncede abe seluxolweni

    • 1Ku 19:1-19—Xa umprofeti uEliya etyhafile, uYehova umnceda ngokumnika izinto azidingayo. Umkhuthaza aze amthuthuzele ngokumnika ithemba ngekamva

Izinto esizithenjiswa yiBhayibhile zinokusinika njani isibindi?

2Kr 15:7; Nd 27:13, 14; Heb 6:17-19; 12:2

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yob 14:1, 2, 7-9, 13-15—Ithemba lovuko liyamthuthuzela uYobhi nangona ephantsi kwelifu elimnyama

    • Dan 12:13—Umprofeti uDaniyeli, olixhego elimalunga neminyaka eyi-100, ukhuthazwa yingelosi emxelela ngomvuzo wexesha elizayo

Kutheni kunokusenza sikhuthazeke ukuthandaza kuYehova nokucingisisa ngaye?

Nd 18:6; 56:4, 11; Heb 13:6

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 30:1-9—Xa esebunzimeni, uKumkani uDavide uthandaza kuYehova aze afumane amandla

    • Luk 22:39-43—Xa esehlelwa sesona silingo sinzima, uYesu ucenga uYehova ukuba amncede, aze uYehova athumele ingelosi ukuba imkhuthaze

Kunokusikhuthaza njani ukuva iingxelo ezintle nokuzibalisela abanye?

IMi 15:30; 25:25; Isa 52:7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IZe 15:2-4—Umpostile uPawulos nompostile uBharnabhas bawakhuthaza nyhani amabandla abawatyelelayo

    • 3Yo 1-4—Kumkhuthaza kakhulu umpostile uYohane ukuva ukuba abantu awabafundisa iindaba ezilungileyo basathembekile kuYehova