Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuNyamezela

UkuNyamezela

Ngaba kunyanzelekile ukuba abakhonzi bakaYehova banyamezele?

Kutheni sifanele silindele ukuba abanye abantu abazuba namdla kumsebenzi wethu wokushumayela okanye bade basichase?

Mat 10:22; Yoh 15:18, 19; 2Ko 6:4, 5

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Pe 2:5; Gen 7:23; Mat 24:37-39—Nangona uNowa ‘engumshumayeli wobulungisa,’ abantu abaninzi abamhoyi, futhi nguye nentsapho yakhe kuphela abasindayo kuMkhukula

    • 2Ti 3:10-14—Umpostile uPawulos uxelela uTimoti indlela yena anyamezele ngayo ukuze amkhuthaze ukuba naye anyamezele

Kutheni sinokulindela ukuchaswa nangabantu beentsapho zethu?

Mat 10:22, 36-38; Luk 21:16-19

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 4:3-11; 1Yo 3:11, 12—UKayin ubulala umtwakwabo kuba yena Kayin wenza izinto ezimbi, kanti uAbheli yena ulilungisa

    • Gen 37:5-8, 18-28—AbantakwaboYosefu bayamhlasela baze bamthengise ebukhobokeni, kuba ebabalisele ngephupha elivela kuYehova

Kutheni simele singakoyiki ukufa xa sitshutshiswa?

Mat 10:28; 2Ti 4:6, 7

Jonga neSi 2:10

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Dan 3:1-6, 13-18—UShadraki, uMeshaki noAbhednego abavumi nakancinci ukunqula isithixo nangona kuthiwe baza kubulawa ukuba abayenzi loo nto

    • IZe 5:27-29, 33, 40-42—Abapostile baqhubeka nomsebenzi wokushumayela nangona besengozini yokubulawa

Yintoni enokusinceda sihlale sithembekile kuYehova naxa sisohlwaywa?

IMi 3:11, 12; Heb 12:5-7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Num 20:9-12; Dut 3:23-28; 31:7, 8—Umprofeti uMoses uyaphoxeka ngenxa yesohlwayo esivela kuYehova, kodwa uqhubeka enyamezele futhi ethembekile kude kube sekupheleni

    • 2Ku 20:12-18; 2Kr 32:24-26—UKumkani uHezekiya uyona aze alungiswe, kodwa uyazithoba aze aqhubeke enyamezele futhi ethembekile

Kutheni kunokuba nzima ukunyamezela xa abanye beyeka ukukhonza uYehova?

Yer 1:16-19; Hab 1:2-4

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Nd 73:2-24—Xa umdumisi ebona abantu abenza izinto ezimbi beseluxolweni, uyazibuza ukuba ikhona na into ekunceda kuyo ukukhonza uYehova

    • Yoh 6:60-62, 66-68—Nangona abantu abaninzi beyeka ukulandela uYesu, umpostile uPetros uzimisele ukuhlala ebambelele elukholweni

Yintoni enokusinceda sinyamezele?

Ukuhlala sithe nca kuYehova

Ukufumana ulwazi olukwiLizwi LikaThixo ngokufunda nokucingisisa ngento esiyifundayo

Ukusoloko sithandaza kuYehova ngokusuka entliziyweni

Rom 12:12; Kol 4:2; 1Pe 4:7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Dan 6:4-11—Umprofeti uDaniyeli uqhubeka ethandaza qho engayifihli loo nto, nangona kusenziwa iqhinga elibeka ubomi bakhe engozini

    • Mat 26:36-46; Heb 5:7—Kubusuku bakhe bokugqibela apha emhlabeni, uYesu uthandaza ngamandla futhi ukhuthaza nabanye ukuba benze njalo

Ukusoloko sidibana namanye amakholwa ukuze sinqule kunye

Ukuhlala sicinga ngezinto uYehova asithembisa zona

Ukuqinisa uthando esinalo ngoYehova, ngabazalwana noodade, nangezinto ezilungileyo

Ukuqinisa ukholo lwethu

Ukuhlala sicinga ngendlela eyiyo xa sisebunzimeni

Zeziphi ezinye izinto ekusinceda ngazo ukunyamezela sithembekile?

Simenza afumane imbeko uYehova uThixo

IMi 27:11; Yoh 15:7, 8; 1Pe 1:6, 7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yob 1:6-12; 2:3-5—USathana utyhola uYehova esithi nguye owenza uYobhi ahlale emkhonza. UYobhi kufuneka anyamezele ukuze amveze uSathana ukuba uyaxoka

    • Rom 5:19; 1Pe 1:20, 21—Ngokuhlala ethembekile de kube sekupheleni, uYesu uphendula lo mbuzo ubalulekileyo: Ngaba umntu ogqibeleleyo angakwazi ukwenza into eyoyisa uAdam, ahlale ethembekile nakwezona zilingo zinzima?

Sikhuthaza abanye ukuba banyamezele

Ukunyamezela kusinceda siphumelele kumsebenzi wethu wokushumayela

Siyamvuyisa uYehova futhi uza kusivuza