Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKholo

UKholo

Sazi njani ukuba uYehova uluxabisa kakhulu ukholo?

Yoh 3:16, 18; Gal 3:8, 9, 11; Efe 6:16; Heb 11:6

Jonga nama-2Ko 5:7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Heb 11:1–12:3—Umpostile uPawulos ucacisa ukholo aze abale abantu abaninzi ababenokholo, ukususela kuAbheli ukuyotsho kuYesu Kristu

    • Yak 2:18-24—UYakobi uthetha ngoAbraham ukuze abonise ukuba ukholo lumele lukhatshwe yimisebenzi

Yintoni enokusinceda siqinise ukholo lwethu?

Rom 10:9, 10, 17; 1Ko 16:13; Yak 2:17

Jonga namaHeb 3:12-14

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 20:1-6, 12, 13, 20-23—Xa abantu bakaThixo behlaselwa ziintshaba, uKumkani uYehoshafati ubaxelela ukuba ukuze baphumelele kufuneka babe nokholo kuYehova nakubaprofeti bakhe

    • 1Ku 18:41-46—Umprofeti uEliya ubonisa ukholo ngokulinda uYehova ngomonde ukuba azalisekise isithembiso Sakhe sokuphelisa imbalela etsale ixesha elide