Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INtsapho

INtsapho

NguYehova owadala intsapho

Abazali

Jonga umxholo othi “AbaZali

Ootata

Jonga umxholo othi “OoTata

Oomama

Jonga umxholo othi “OoMama

Abayeni, Abafazi

Jonga umxholo othi “UmTshato

Oonyana Neentombi

Yintoni elindelekileyo ebantwaneni?

Kutheni abantwana befanele bathobele abazali babo?

Efe 6:1-3; Kol 3:20

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Nd 78:1-8—AmaSirayeli abalisela abantwana babo izinto ezenziwa ngookhokho babo ukuze abantwana babo bathembele ngoThixo futhi bangavukeli

    • Luk 2:51, 52—Nangona egqibelele, uYesu uhlala engumntwana obathobelayo abazali bakhe abangagqibelelanga

Kutheni kusenokuba nzima ebantwaneni ukuba bathobele abazali babo?

UThixo ubajonga njani abantwana abangamameliyo?

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Dut 21:18-21—UMthetho KaMoses ufuna ukuba abulawe unyana okhule waba linxila elinenkani, elingamameliyo nelingafuniyo tu ukulungiswa

    • 2Ku 2:23, 24—Amakhwenkwe aliqela agezela umprofeti uElisha ongummeli kaThixo, aze amaninzi kuwo adliwe ziibhere

Abazali bafanele bazive njani ngenyhweba yokukhulisa abantwana?

Nd 127:3; 128:3

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Lev 26:9—AmaSirayeli akujonga njengentsikelelo evela kuYehova ukuzala abantwana

    • Yob 42:12, 13—UYehova usikelela uYobhi ngenxa yokuthembeka kwakhe ngokunika yena nenkosikazi yakhe abanye abantwana abayi-10

Abantwana abazalwa kunye bangaphathana njani ngendlela ebonisa imbeko kuYehova?

Nd 34:14; IMi 15:23; 19:11

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Gen 27:41; 33:1-11—UYakobi unembeko kumntakwabo, uEsawu, evula indlela yokuba kubekho uxolo, aze uEsawu athambe

Abantwana abadala yintoni abafanele bayenze kubazali nakubazali babazali babo?

IMi 23:22; 1Ti 5:4

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 11:31, 32—Xa efuduka eUre, uAbraham uhamba notata wakhe, uTera, aze amhoye de asweleke

    • Mat 15:3-6—UYesu usebenzisa uMthetho KaMoses ukuze abonise ukuba abantwana abadala bafanele baxhase abazali babo ngezinto abadingayo

Abantu Bakulomyeni Okanye Bakulonkosikazi

Abazali Babazali

Jonga umxholo othi “AbaZali Babazali