Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuXolela

UkuXolela

UYehova ufuna kangakanani ukuxolela?

Nd 86:5; Dan 9:9; Mik 7:18

Jonga no-2Pe 3:9

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Nd 78:40, 41; 106:36-46—UYehova ubaxolela ngokuphindaphindiweyo abantu bakhe abangathobeliyo, nangona ukona kwabo kumvisa ubuhlungu

    • Luk 15:11-32—UYesu ucacisa indlela axolela ngayo uYehova ngokwenza umzekeliso wendlela utata onenceba amphatha ngayo unyana wakhe oye walahleka kodwa waguquka

Yintoni eyenza uYehova akwazi ukusixolela izono?

Yoh 1:29; Efe 1:7; 1Yo 2:1, 2

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Heb 9:22-28—Umpostile uPawulos ucacisa indlela igazi likaKristu ekulilo kuphela esinokuxolelwa ngalo izono

    • ISi 7:9, 10, 14, 15—Embonweni, umpostile uYohane ubona “isihlwele esikhulu” sabantu abacocekileyo phambi kukaThixo ngenxa yegazi likaKristu elaphalalayo

Ukuba sifuna uYehova asixolele, yintoni esifanele siyenze xa abanye besonile?

Mat 6:14, 15; Mar 11:25; Luk 17:3, 4; Yak 2:13

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yob 42:7-10—Ngaphambi kokuba uYehova ayiphelise intlungu kaYobhi futhi amphilise aze amenze abe sisityebi kwakhona, ufuna ukuba uYobhi athandazele amadoda amathathu ebemgxeka

    • Mat 18:21-35—UYesu wenza umzekeliso oyenza icace indlela ekubaluleke ngayo ukuxolela abanye ukuba nathi sifuna ukuxolelwa

Kubaluleke kangakanani ukuvuma izono nokuguquka ngokusuka entliziyweni?

IZe 3:19; 26:20; 1Yo 1:8-10

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Nd 32:1-5; 51:1, 2, 16, 17—UKumkani uDavide uziva enentliziyo etyumkileyo neyaphukileyo ngenxa yezono zakhe ezinzulu, aze aguquke ngokusuka entliziyweni

    • Yak 5:14-16—UYakobi ucacisa ukuba xa senze isono esinzulu sifanele siye kubadala

Ziintoni esimele sizitshintshe ukuba sifuna uYehova asixolele?

IMi 28:13; Isa 55:7; Efe 4:28

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Ku 21:27-29; 2Kr 18:18-22, 33, 34; 19:1, 2—Xa uKumkani uAhabhi enikwa isigwebo, uyazithoba aze uYehova amenzele inceba, kodwa akubonakali ngathi uguquke nyhani, ngoko uYehova usambona engumenzibubi aze ambulale

    • 2Kr 33:1-16—UKumkani uManase wenza izinto ezimbi kakhulu, kodwa uYehova uyamxolela xa eguquka. UManase uyazibonisa ukuba utshintshile ngokuzama ukuyekisa abantu ukunqula izithixo banqule uYehova

UYehova ubaxolela ngokupheleleyo kangakanani aboni abaguqukileyo?

Nd 103:10-14; Isa 1:18; 38:17; Yer 31:34; Mik 7:19

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • 2Sa 12:13; 24:1; 1Ku 9:4, 5—Nangona uDavide enze izono ezinzulu kakhulu, uYehova uyamxolela lo kumkani uguqukileyo aze kamva athi uyindoda ethembekileyo

UYesu wayilinganisa ngokugqibeleleyo njani indlela uYehova afuna ngayo ukuxolela?

Nd 86:5; Luk 23:33, 34

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 26:36, 40, 41—Abona balandeli bakaYesu abasondeleyo kuye bayozela ngelona xesha akudinga nyhani ukuxhaswa ngabo, kodwa uYesu waba nobubele waqonda ukuba benziwa kukudinwa

    • Mat 26:69-75; Luk 24:33, 34; IZe 2:37-41—UPetros umphika kathathu uYesu, kodwa uKristu uyamxolela umpostile wakhe oguqukileyo; emva kokuba uYesu evusiwe uya kuPetros aze kamva amnike imisebenzi ekhethekileyo ebandleni

Sazi njani ukuba kuhamba kuphele ukuxolela kukaYehova?

Mat 12:31; Heb 10:26, 27; 1Yo 5:16, 17

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 23:29-33—UYesu ulumkisa ababhali nabaFarisi ukuba la maqela abo aza kufumana umgwebo weGehena, ngamany’ amazwi, aza kutshatyalaliswa angaphinde abekho

    • Yoh 17:12; Mar 14:21—UYesu ubiza uYudas Skariyoti ngokuba ‘ngunyana wentshabalalo’ aze athi lo mngcatshi ngekubhetele kuye ukuba wayengazalwanga

Yintoni enokukhuthaza amaKristu ukuba afune ukuxolela?