Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INtlungu Yokuswelekelwa

INtlungu Yokuswelekelwa

Yeyiphi imizekelo eseBhayibhileni ebonisa ukuba yinto eqhelekileyo ukuba sentlungwini xa kusweleke umntu?

Yintoni ebonisa ukuba uYehova ukufuna ngamandla ukuthuthuzela abantu abasentlungwini yokuswelekelwa?

Kungasithuthuzela njani ukwazi into eyenzekayo emntwini oswelekileyo?

INt 9:5, 10; 1Te 4:13

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Luk 20:37, 38—UYesu ucacisa ukuba uvuko yinto eza kwenzeka nakanjani kangangokuba abantu abaswelekileyo kufana nokuba basaphila kuThixo

    • Yoh 11:5, 6, 11-14—UYesu ufanisa ukufa nokulala emva kokuba kusweleke uLazaro umhlobo wakhe amthandayo

    • Heb 2:14, 15—Umpostile uPawulos ucacisa ukuba asifanelanga silawulwe kukoyika ukufa

Kutheni igama lomntu lixabiseka kakhulu ngexesha lokusweleka kwakhe?

IBhayibhile ikuchaza njani ukufa, futhi uThixo uza kwenza ntoni ngako?

Kutheni sinokuqiniseka ukuba uvuko luza kuba khona?

Isa 26:19; Yoh 5:28, 29; IZe 24:15

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IBhayibhile ithetha ngabantu abayi-9 abavuswayo, abayi-8 kubo bavuselwa apha emhlabeni. Ibali ngalinye laba bantu, linokumthuthuzela futhi limnike ithemba lexesha elizayo umntu osentlungwini yokuswelekelwa ngumntu amthandayo

      • 1Ku 17:17-24—Umprofeti uEliya uvusa unyana womhlolokazi waseTsarefathi, idolophu yaseSidon

      • 2Ku 4:32-37—Umprofeti uElisha uvusa inkwenkwe kwidolophu yaseShunem aze ayibuyisele kubazali bayo

      • 2Ku 13:20, 21—Indoda esanda kusweleka iyavuka xa isidumbu sayo sichukumisa amathambo kamprofeti uElisha

      • Luk 7:11-15—Kwisixeko saseNayin, uYesu umisa umngcwabo ukuze avuse unyana womhlolokazi

      • Luk 8:41, 42, 49-56—UYesu uvusa intombazana kaYayiro, igosa lendlu akhonzela kuyo amaYuda

      • Yoh 11:38-44—UYesu uvusa umhlobo wakhe amthandayo uLazaro, ambuyisele koodadewabo, uMarta noMariya

      • IZe 9:36-42—Umpostile uPetros uvusa uDorkas, umKristu owaziwa ngokwenzela abanye izinto ezintle

      • IZe 20:7-12—Umpostile uPawulos uvusa umfana onguYutiko, osweleke emva kokuwa efestileni

    • UYesu Kristu uvuselwa kubomi bokungafi engumntu ongumoya, nto leyo eqinisekisa ukuba zonke izinto zexesha elizayo esizithenjiswayo ziza kwenzeka

    • UYesu ungowokuqala ukuvuselwa ezulwini aze enziwe angabi nakufa kodwa akangowokugqibela; abalandeli bakhe abayi-144 000 nabo bavuswa ngolo hlobo

Singabanceda njani abantu abasentlungwini yokuswelekelwa ngumntu abamthandayo?