Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INtliziyo

INtliziyo

Sazi njani ukuba xa iBhayibhile ithetha ngentliziyo ithetha ngomntu esinguye ngaphakathi, kuquka izinto esizicingayo, iinjongo, iimpawu, neemvakalelo zethu?

Nd 49:3; IMi 16:9; Luk 5:22; IZe 2:26

Jonga neDut 15:7; Nd 19:8

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Luk 9:46-48—UYesu ulungisa abapostile bakhe ngenxa yamabhongo awayewabona ezintliziyweni zabo

Kutheni kubalulekile ukukhusela iintliziyo zethu?

1Kr 28:9; IMi 4:23; Yer 17:9

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 6:5-7—Ububi obusentliziyweni yomntu benza kubekho ubundlobongela futhi bubangela ukuba uThixo azise uMkhukula emhlabeni wonke

    • 1Ku 11:1-10—UKumkani uSolomon akayikhuseli intliziyo yakhe, utshata abafazi bezinye iintlanga abayibhekelisela kude noYehova intliziyo yakhe

    • Mar 7:18-23—UYesu ucacisa ukuba ziphuma entliziyweni zonke izinto ezinokwenza umntu angcole kuThixo

Sinokuyikhusela njani intliziyo yethu?

Nd 19:14; IMi 3:3-6; Luk 21:34; Fil 4:8

Jonga noEzr 7:8-10; Nd 119:11

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Efe 6:14-18; 1Te 5:8—Umpostile uPawulos ucacisa ukuba ubulungisa, ukholo, nothando zinokukhusela umntu esinguye ngaphakathi kanye njengokuba impahla yokukhusela isifuba ikhusela intliziyo yokoqobo

Sinokwazi njani ukuba kukho ingxaki kumntu esinguye ngaphakathi?

IMi 21:2-4; Heb 3:12

Jonga neMi 6:12-14

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 25:1, 2, 17-27—Kangangexesha elithile, uKumkani uAmatsiya wenza izinto ezilungileyo emehlweni kaThixo kodwa hayi ngentliziyo epheleleyo; ethubeni uba nekratshi angamthobeli uYehova, aze afumane imiphumo ebuhlungu

    • Mat 7:17-20—UYesu ubonisa ukuba intliziyo embi ibangela umntu enze izinto ezimbi, kanye njengokuba umthi obolileyo uvelisa isiqhamo esibolileyo

Kutheni sifanele sizame ukuba nentliziyo elungileyo, futhi sinokuzama njani?

IMi 10:8; 15:28; Luk 6:45

Jonga neNd 119:97, 104; Rom 12:9-16; 1Ti 1:5

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Ku 20:1-6—Xa ejongene nokufa, uKumkani uHezekiya ucenga uYehova ukuba abe nenceba kuye kuba umkhonze ngentliziyo epheleleyo

    • Mat 21:28-32—UYesu wenza umzekeliso obonisa ukuba indlela umntu ayiyo ngaphakathi ibonakala ngento ayenzayo, ngaphezu kwento athi uza kuyenza

Kutheni kuthuthuzela ukwazi ukuba uYehova uhlola iintliziyo zethu?

1Kr 28:9; Yer 17:10

Jonga no-1Sa 2:3

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 16:1-13—Umprofeti uSamuweli ufunda into yokuba uYehova akajongi indlela umntu abonakala ngayo ngaphandle; endaweni yaloo nto, ujonga intliziyo

    • 2Kr 6:28-31—Umthandazo kaKumkani uSolomon xa kunikezelwa itempile kaYehova ubonisa ukuba uThixo uyiqonda kakuhle into esentliziyweni yethu futhi usebenzisa olo lwazi ukuze asikhathalele