Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AmaGama Azukisa Abantu

AmaGama Azukisa Abantu

Ngaba amaKristu afanele asebenzise amagama onqulo azukisa abantu?

Yoh 5:41

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Luk 18:18, 19—Nangona engumntu olungileyo, uYesu akavumi ukubizwa ngegama elithi “Mfundisi Olungileyo,” uthi nguYehova kuphela olungileyo

Kutheni amaKristu engabizi bantu ngamagama onqulo anika uzuko, njengelithi “uTata” okanye “iNkokheli”?

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 23:9-12—UYesu akavumi ukuba kusetyenziswe amagama azukisa abantu, njengokuthi “uTata” okanye “iNkokheli”

    • 1Ko 4:14-17—Nangona umpostile uPawulos wayefana notata kwabaninzi, akukho apho siva ebizwa ngokuthi uTata uPawulos okanye ngenye indlela efanayo

Kutheni kufanelekile ukuba amaKristu abizane futhi aphathane njengabantakwabo noodadewabo?

Mat 23:8

Jonga neZe 12:17; 18:18; Rom 16:1

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Mat 12:46-50—UYesu uyenza icace into yokuba abantu akhonza nabo bangabantakwabo noodade bakhe

Kutheni kufanelekile ukuba amaKristu awasebenzise amagama okuhlonipha abalawuli behlabathi nabepolitiki, iijaji, namanye amagosa?

Rom 13:1, 7; 1Pe 2:17

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • IZe 26:1, 2, 25—Umpostile uPawulos ubiza abalawuli behlabathi, abanjengoAgripa noFesto, ngamagama ezikhundla zabo