Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuThobeka

UkuThobeka

UYehova ubajonga njani abantu abathobekileyo nabanempakamo?

Nd 138:6; IMi 15:25; 16:18, 19; 22:4; 1Pe 5:5

Jonga neMi 29:23; Isa 2:11, 12

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 26:3-5, 16-21—UKumkani u-Uziya unekratshi; wophula uMthetho kaThixo aze abe nomsindo xa elungiswa; uThixo umbetha ngeqhenqa

    • Luk 18:9-14—UYesu wenza umzekeliso ukuze acacise indlela uYehova aziva ngayo ngabantu abanempakamo nabathobekileyo

Wenza ntoni uYehova xa umntu eguquka ngokuthobeka nangokunyaniseka?

2Kr 7:13, 14; Nd 51:2-4, 17

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 12:5-7—UKumkani uRehobhoham neenkosana zakwaYuda bayazithoba kuYehova baze basinde kwintlekele

    • 2Kr 32:24-26—UKumkani uHezekiya olungileyo ungenwa likratshi, kodwa uYehova uyamxolela esakuzithoba

Ukuthobeka kusinceda njani siye sivana kakuhle nabanye abantu?

Efe 4:1, 2; Fil 2:3; Kol 3:12, 13

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 33:3, 4—UYakobi uzithoba kakhulu xa edibana nomntakwabo owayekade enomsindo, uEsawu, ize loo nto yenze kuphinde kubekho uxolo phakathi kwabo

    • ABa 8:1-3—Ngokuzithoba, uMgwebi uGidiyon uxelela amadoda akwaEfrayim ukuba makhulu kunaye, ize loo nto iwehlise umsindo wawo inqande nomlo

UYesu Kristu wayifundisa njani indlela ekubaluleke ngayo ukuthobeka?

Mat 18:1-5; 23:11, 12; Mar 10:41-45

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Isa 53:7; Fil 2:7, 8—Kanye njengoko kwakuprofetiwe, ngokuthobeka uYesu uyavuma ukuza emhlabeni nokufa ngendlela ebuhlungu nelihlazo

    • Luk 14:7-11—UYesu uthetha ngendlela ekuhlalwa ngayo kwitheko ukuze azekelise indlela ekunceda ngayo ukuthobeka

    • Yoh 13:3-17—UYesu uba ngumzekelo kubalandeli bakhe ngokuzithoba enze umsebenzi wesicaka wokuhlamba iinyawo zabapostile bakhe

Ukuzijonga ngendlela uYehova asijonga ngayo nokujonga abanye abantu ngaloo ndlela, kusinceda njani sithobeke?

Kutheni kungancedi nganto ukuzenza ngathi sithobekile singathobekanga?