Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuThembeka KuThixo

UkuThembeka KuThixo

Kukuthini ukuthembeka kuThixo?

Nd 18:23-25; 26:1, 2; 101:2-7; 119:1-3, 80

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Lev 22:17-22—UYehova ufuna kubingelelwe ngezilwanyana ‘eziphilileyo,’ ngamany’ amazwi, ezipheleleyo nezingenaziphene; igama eliguqulelwe ngokuthi “eliphilileyo” lisondele kakhulu kwigama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuthembeka kuThixo,’ into ebonisa ukuba ukuthembeka kuYehova kuquka ukuzinikela kuye ngokupheleleyo

    • Yob 1:1, 4, 5, 8; 2:3—Ubomi bukaYobhi bubonisa ukuba ukuze umntu athembeke kuYehova, kufuneka amhloniphe kakhulu, amnqule ngentliziyo yonke, futhi aphephe nokwenza izinto ezimbi kuYe

Kutheni kufuneka sithembeke kuThixo?

Yintoni enokusenza sibe nomdla wokuhlala sithembekile kuThixo?

Sinokwenza njani ukuze sibe ngabantu abangenakusoleka futhi sihlale sithembekile kuThixo?

Yos 24:14, 15; Nd 101:2-4

Jonga neDut 5:29; Isa 48:17, 18

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yob 31:1-11, 16-33—UYobhi uzenzela igama elihle lokuba ngumntu ongenakusoleka kwindlela aphila ngayo imihla ngemihla ngokuphepha ukuziphatha kakubi ngesondo nangokuphatha abanye ngobubele nangesidima. Ukhonza uYehova ngendlela ecocekileyo, hayi izithixo, futhi uxabise ubuhlobo bakhe noThixo ngaphezu kwezinto anazo

    • Dan 1:6-21—UDaniyeli nabahlobo bakhe abathathu bahlala bethembekile kuThixo naxa bekhetha ukutya abaza kukutya, nangona bephakathi kwabantu abangamkhonziyo uYehova

Ukuba umntu wenza impazamo embi enye emva kwenye, angakwazi ukuphinda athembeke kuThixo?

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Ku 9:2-5; Nd 78:70-72—UYehova uyamxolela uKumkani uDavide aze amjonge njengomntu othembekileyo, kuba uye waguquka ezonweni zakhe

    • Isa 1:11-18—Nangona uYehova ebagxeka abantu bakhe ngokuhanahanisa kwabo nangokwenza izono, uthembisa ukuba angabahlamba abacoce ngokupheleleyo ukuba bayaguquka baze batshintshe iindlela zabo