Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuThanda Imali Nezinto Ezikhoyo

UkuThanda Imali Nezinto Ezikhoyo

Ngaba iBhayibhile iyayigxeka imali nezinto ezikhoyo okanye abantu abanazo?

INt 7:12

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Ku 3:11-14—UYehova usikelela uKumkani uSolomon ngobutyebi obuninzi ngenxa yokuba ethobekile

    • Yob 1:1-3, 8-10—UYobhi usisityebi kakhulu, kodwa eyona nto iphambili ngaye kukuba uyindoda ethembekileyo kuYehova

Kutheni ukuqokelela ubutyebi nezinto ezikhoyo kungasenzi saneliseke okanye sibe noxolo lwengqondo?

Zeziphi iindlela ubutyebi obungancedi ngazo?

Yeyiphi eyona ngozi enkulu ngemali nezinto ezikhoyo?

Bunokusikhohlisa njani ubutyebi?

IMi 11:4, 18, 28; 18:11; Mat 13:22

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • IZe 8:18-24—USimon uzikhohlisa ngokucinga ukuba angathenga umsebenzi okhethekileyo kwibandla lamaKristu

Ukuthanda imali kunokusenza silahlekelwe yintoni?

Mat 6:19-21; Luk 17:31, 32

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mar 10:17-23—Umfana osisityebi othanda kakhulu izinto anazo uphoswa lithuba lokuba ngumlandeli kaYesu

    • 1Ti 6:17-19—Umpostile uPawulos ulumkisa amaKristu azizityebi ukuba akuphephe ukuziphakamisa, kuba loo nto inokuwenza ayeke ukuthandwa nguThixo

Ukuthanda imali nezinto ezikhoyo kunokulwenza lube buthathaka njani ukholo lwethu aze uThixo angavuyiswa sithi?

Dut 8:10-14; IMi 28:20; 1Yo 2:15-17

Jonga neNd 52:6, 7; Amo 3:12, 15; 6:4-8

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yob 31:24, 25, 28—UYobhi uyibona kakuhle ingozi yokuthembela ngobutyebi, yokuba angagqibela emphika uThixo

    • Luk 12:15-21—UYesu ulumkisa ngengozi yokuthanda imali nezinto ezikhoyo ngokuthetha ngendoda esisityebi kodwa engesosityebi kuThixo

Yintoni enokusenza saneliseke ngezinto esinazo?

Bobuphi ubutyebi obuxabiseke ngaphezu kwezinto ezikhoyo, futhi kutheni?

IMi 3:11, 13-18; 10:22; Mat 6:19-21

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Hag 1:3-11—UYehova usebenzisa umprofeti uHagayi ukuze achazele abantu Bakhe ukuba akabasikeleli ngezinto, kuba baye babeka kuqala imizi yabo nokuphila ubomi obutofotofo ngaphezu kokuphinda bakhe itempile Yakhe engcwele

    • ISi 3:14-19—UYesu ugxeka ibandla laseLawodike ngokuxabisa kakhulu ubutyebi basemhlabeni kunobutyebi bokukhonza uThixo

Kutheni sifanele simthembe uYehova ukuba uza kusinika izinto esizidingayo ukuze siphile?