Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INceba

INceba

Inceba ihamba nantoni?

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Nd 51:1, 2—Xa uKumkani uDavide ecenga uYehova ukuba amenzele inceba, umcela ukuba amxolele futhi amcoce kwizono zakhe

    • Luk 10:29-37—UYesu ufundisa indlela inceba enokwenziwa ngayo ngokubalisa indlela umSamariya awaba nobubele novelwano ngayo kumYuda

Kutheni bonke abantu bedinga ukwenzelwa inceba?

UYehova ungumzekelo njani ngokuba nenceba?

Eks 34:6; Neh 9:17; Nd 103:8; 2Ko 1:3

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yob 42:1, 2, 6-10; Yak 5:11—UYehova uba nenceba kuYobhi ize loo nto imfundise ukuba naye abe nenceba

    • Luk 15:11-32—UYesu uzekelisa inceba kaYehova ngokubalisa indlela utata amphatha ngayo unyana wakhe obelahlekile oguqukileyo

Kutheni uYehova enenceba kuthi?

Yintoni umsebenzi wedini likaYesu ekuxolelweni kwezono?

Kutheni sifanele sicele ukwenzelwa inceba futhi sihlale sibulela ngesi sipho?

Luk 11:2-4; Heb 4:16

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Nd 51:1-4—UKumkani uDavide, otyiwa zizono zakhe, ucenga uYehova ukuba amenzele inceba

    • Luk 18:9-14—UYesu wenza umzekeliso ocacisa indlela uYehova abenzela inceba ngayo abantu abazithobayo bavume iimpazamo zabo

Kunokwenzeka njani ukuba nabantu abenze izono ezinzulu benzelwe inceba?

Dut 4:29-31; Isa 55:7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 33:9-13, 15—Nangona uManase eyikumkani eyenza izinto ezimbi kakhulu, uyaguquka aze acele ukwenzelwa inceba; ubuyiselwa ebukumkanini, aze emva koko enze izinto ezibonisa ukuba utshintshe nyhani

    • Yon 3:4-10—Nangona abantu baseNineve beziindlobongela ezichitha igazi, bayatshintsha aze uThixo abenzele inceba

Ukuvuma isono komoni nokutshintsha iindlela zakhe kubaluleke kangakanani ukuze enzelwe inceba nguYehova?

Inceba kaYehova ayisikhuseli kuso sonke isohlwayo okanye imiphumo ebuhlungu yokona kwethu

Kutheni sifanele sibe nenceba kwabanye abantu?

Kunokwenzeka ntoni kubuhlobo bethu noYehova ukuba asinanceba kwabanye?

Mat 9:13; 23:23; Yak 2:13

Jonga neMi 21:13

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 18:23-35—UYesu wenza umzekeliso obonisa ukuba umntu ongenanceba naye akazukwenzelwa nceba nguYehova

    • Luk 10:29-37—Umzekeliso odumileyo ubonisa ukuba uYehova noYesu ababamkeli abantu abangenanceba, kodwa bayavuyiswa ngabantu abanenceba njengomSamariya

UYehova ubaphatha njani abantu abanenceba?