Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuZola

UkuZola

Sazi njani ukuba uYehova uzolile?

Mat 11:28, 29; Yoh 14:9

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Ku 19:12—UYehova uthetha nomprofeti uEliya okhathazekileyo ‘ngelizwi elizolileyo neliphantsi’

    • Yon 3:10–4:11—Nangona uYona ethetha enomsindo noYehova, uYehova uyazola aze afundise lo mprofeti isifundo ngokuba nenceba

Zeziphi iindlela esinokubonisa ngazo ukuba sizolile?

IMi 15:1; Efe 4:1-3; Tit 3:2; Yak 3:13, 17; 1Pe 3:15

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Num 11:26-29—Umprofeti uMoses uphendula ezolile xa uYoshuwa efuna abanqande abantu abaprofetayo

    • ABa 8:1-3—Ukuphendula ngendlela ezolileyo kukaMgwebi uGidiyon kunqanda umlo oshushu obusenokuvela