Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuPhathwa Kakubi

UkuPhathwa Kakubi

Sinokuziva njani xa siye saphathwa kakubi ngabanye?

Nd 69:20; IMi 18:14; INt 4:1-3; Mal 2:13-16; Kol 3:21

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Sa 10:1-5—Amanye amajoni omkhosi kaKumkani uDavide, nangona engenzakaliswa, ahlaziswa kakubi ziintshaba zabo, futhi uDavide uwenzela ububele obukhulu la madoda akhe

    • 2Sa 13:6-19—UTamare utsho ngesibuhlungu isikhalo futhi ukrazula iimpahla zakhe emva kokuba uAmnon eye wamdlwengula waza wamenza ihlazo emva koko

Yintoni ebonisa ukuba uYehova wazi kakuhle xa umntu eye waphathwa kakubi, futhi yintoni aza kuyenza ngaloo nto?

Yob 34:21, 22; Nd 37:8, 9 Isa 29:15, 19-21; Rom 12:17-21

Jonga neNd 63:6, 7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 25:3, 14-17, 21, 32-38—UNabhali, indoda engqwabalala nekrwada, ubeka abantu bendlu yakhe engozini ngokuthuka uDavide. UYehova uyamohlwaya aze afe

    • Yer 20:1-6, 9, 11-13—UYeremiya uyatyhafa xa uPashure embetha aze amfake ezitokisini; emva koko uYehova uyamkhuthaza aze amhlangule umprofeti wakhe