Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IMali

IMali

Kutheni kuyingozi ukuthanda imali?

Jonga umxholo othi “UkuThanda Imali Nezinto Ezikhoyo

IBhayibhile ibonisa njani ukuba akukho rongo ukuba umntu afumane umvuzo wokukhathalela intsapho yakhe?

INt 7:12; 10:19; Efe 4:28; 2Te 3:10; 1Ti 5:8, 18

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 31:38-42—Ukuze uYakobi akhathalele intsapho yakhe, umsebenzela ngokuthembeka umkhwe wakhe, uLabhan, omenzela amaqhinga; kodwa uYehova uyakusikelela ukusebenza nzima kukaYakobi

    • Luk 19:12, 13, 15-23—UYesu wenza umzekeliso osenza sibone ukuba yinto eqhelekileyo ngemihla yakhe ukuba umntu atyale imali ukuze enze eninzi

Yeyiphi imigaqo yeBhayibhile esikhokelayo ekubolekeni nasekubolekiseni ngemali?

Kutheni kubhetele ukuphepha ukwenza amatyala angeyomfuneko?

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Neh 5:2-8—Ababolekisi ngemali bexesha likaMlawuli uNehemiya babaphatha ngqwabalala abantu ababatyalayo

    • Mat 18:23-25—Umzekeliso kaYesu usikhumbuza ukuba umntu otyala imali aze angayibhatali usenokohlwaywa

Yintoni afanele ayenze umntu ngaphambi kokwenza ishishini, noba ulenza nomntu ongakholwayo, okholwayo, okanye nesizalwana?

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 23:14-20—Kubonakala ukuba ukuze kunqandeke ukungaqondani neengxabano ezisenokubakho kamva, uAbraham uthenga phambi kwamangqina intsimi nomqolomba aza kungcwatyelwa kuwo uSara

    • Yer 32:9-12—Xa umprofeti uYeremiya ethenga umhlaba kumzala wakhe, wenza uxwebhu lwesivumelwano, enze ikopi yalo, aze abhatale phambi kwamangqina

Kutheni kubalulekile ukubhajetha kakuhle ngemali?

Kutheni amaKristu engafanelanga avumele ukungavisisani ngemali kubangele iingxaki ebandleni?

Singayisebenzisa njani imali ngendlela esenza sonwabe nyhani?