Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuThobela

UkuThobela

Kubaluleke kangakanani ukuthobela?

Eks 19:5; Dut 10:12, 13; INt 12:13; Yak 1:22

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 15:17-23—Umprofeti uSamuweli ugxeka uKumkani uSawule ngokungathobeli uYehova; emva koko uSamuweli ucacisa indlela ekubaluleke ngayo ukuthobela

    • Heb 5:7-10—Nangona uYesu wayesoloko emthobela uTata wakhe, wafunda ukuthobela xa abantu babemphatha kakubi emhlabeni

Ufanele enze ntoni umKristu ukuba umntu onegunya ufuna angathobeli uThixo?

IZe 5:29

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Dan 3:13-18—Nangona ubomi bawo busengozini, amaHebhere amathathu athembekileyo kuThixo akavumi ukuqubuda kumfanekiso owenziwe nguKumkani uNebhukadenetsare

    • Mat 22:15-22—UYesu uchaza ukuba abalandeli bakhe bayawathobela amagunya ehlabathi ngaphandle kokuba loo magunya afuna bangamthobeli uYehova uThixo

    • IZe 4:18-31—Nangona abasemagunyeni bebayalela ukuba bayeke, abapostile baqhubeka beshumayela ngesibindi

Kufuneka senze ntoni ukuze sihlale siyithobela imiyalelo kaYehova?

Dut 6:1-5; Nd 112:1; 1Yo 5:2, 3

Jonga neNd 119:11, 112; Rom 6:17

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Ezr 7:7-10—UEzra umbingeleli othembekileyo ulungisa intliziyo yakhe ukuze abe ngumzekelo ekuthobeleni nasekufundiseni uMthetho KaThixo

    • Yoh 14:31—UYesu uveza isizathu sokuba esenza kanye le nto uTata wakhe amyalela yona

Yintoni efanele isenze sifune ukuthobela uYehova noYesu?

Ukuthobela kwethu kubonisa njani ukuba sinokholo?

Rom 1:5; 10:16, 17; Yak 2:20-23

Jonga neDut 9:23

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 6:9-22; Heb 11:7—UNowa ubonisa ukuba unokholo ngokwakha umkhombe kanye ngendlela uYehova amyalela ngayo, wenza yonke into “ngobunjalo bayo”

    • Heb 11:8, 9, 17—UAbraham ubonisa ukuba unokholo ngokuthobela imiyalelo kaYehova hayi ngokushiya iUre kuphela kodwa nangokunikela ngonyana wakhe

UYehova ubasikelela njani abantu abathobelayo?

Yer 7:23; Mat 7:21; 1Yo 3:22

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Lev 26:3-6—UYehova uthembisa ukubasikelela nokubakhathalela abantu abamthobelayo

    • Num 13:30, 31; 14:22-24—UKalebhi uyathobela, futhi uYehova uyamsikelela ngenxa yaloo nto

Yintoni enokwenzeka ngenxa yokungathobeli?

Rom 5:19; 2Te 1:8, 9

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 2:16, 17; 3:17-19—UAdam noEva baphoswa kukuphila eParadesi, kukuphila bengenasono, nabubomi obungunaphakade ngenxa yokungamthobeli uYehova uThixo

    • Dut 18:18, 19; IZe 3:12, 18, 22, 23—UYehova uchaza kwangaphambili ukuba kuzoza uMprofeti omkhulu kunoMoses nokuba abantu abangamthobeliyo loo mprofeti baza kuthi shu

    • Yude 6, 7—Iingelosi ezivukelayo nabahlali baseSodom naseGomora bamcaphukisa kakhulu uYehova ngokungathobeli kwabo

Kutheni sifanele simthobele uYesu Kristu?

Gen 49:10; Mat 28:18

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Yoh 12:46-48; 14:24—UYesu uchaza ukuba umntu ongawathobeliyo amazwi akhe uza kufumana isigwebo esiqatha

Kutheni amaKristu ethobela abadala ebandleni?

Kutheni umfazi ongumKristu efanele azithobe kwindoda yakhe?

Kutheni abantwana bethobela abazali babo?

IMi 23:22; Efe 6:1; Kol 3:20

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 37:3, 4, 8, 11-13, 18—UYosefu osemtsha uthobela utata wakhe aze aye kubona abantakwabo nangona bemzonda

    • Luk 2:51—UYesu uhlala ezithobile kuYosefu noMariya nangona engumntu ongenzi zimpazamo bona abazali bakhe bengabantu abazenzayo

Kutheni kububulumko ukuthobela umqeshi noba akukho mntu usibonayo?

Kutheni amaKristu ethobela oorhulumente?