Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkwaLuphala; Abantu Abadala

UkwaLuphala; Abantu Abadala

Kwenzeka ntoni xa iminyaka sele ihambile kuthi?

Nd 71:9; 90:10

Jonga nomxholo othi “UkuThuthuzela—Ukungakwazi ukwenza ezinye izinto ngenxa yokugula okanye ukwaluphala

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • INt 12:1-8—UKumkani uSolomon uchaza ezinye iingxaki zempilo eziza nokwaluphala, ezinjengokungaboni kakuhle (“kube mnyama nakumanenekazi ajonge ngeefestile”) nokungeva kakuhle (“iintombi zengoma zivakala kancinci”)

Ngaba abantu abadala banokukwazi ukuqhubeka bevuya nangona beneengxaki nezinto abangakwaziyo ukuzenza ngenxa yokuhamba kweminyaka?

2Ko 4:16-18; Yak 1:2-4

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 12:2, 23—Umprofeti uSamuel osele ekhulile uyayazi indlela ekubaluleke ngayo ukuqhubeka ethandazela abantu bakaYehova

    • 2Sa 19:31-39—UKumkani uDavide uyibulela kakhulu indlela uBharzilayi osele ekhulile amxhase ngokuthembeka ngayo, futhi xa uBharzilayi ecelwa ukuba enze into engaphezu kwamandla akhe uyathobeka aqonde ukuba kukho izinto angasakwaziyo ukuzenza

    • Nd 71:9, 18—UKumkani uDavide woyika into yokuba kungabikho yakhe ngenxa yokuhamba kweminyaka, ucenga uYehova ukuba angamlahli kodwa amnike amandla ukuze akwazi ukufundisa isizukulwana esilandelayo ngaYe

    • Luk 2:36-38—Umprofetikazi uAna, umhlolokazi osele ekhulile, uyasikelelwa ngenxa yokukhonza kwakhe ngokuzinikela nangokuthembeka

UYehova ubaqinisekisa njani abantu abalupheleyo ukuba ubaxabisile?

Nd 92:12-14; IMi 16:31; 20:29; Isa 46:4; Tit 2:2-5

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 12:1-4—Xa eneminyaka eyi-75, uAbraham unikwa nguYehova umsebenzi otshintsha ubomi bakhe

    • Dan 10:11, 19; 12:13—Ingelosi iya kumprofeti uDaniyeli, osele eqabele kwiminyaka eyi-90, ukuze imqinisekise ukuba uxabisekile kuYehova nokuba uza kuvuzwa ngenxa yokuthembeka kwakhe

    • Luk 1:5-13—UYehova usikelela uZekariya noElizabhete abasele bekhulile ngokubenza bazale ngokungummangaliso unyana onguYohane

    • Luk 2:25-35—UYehova unika uSimeyon inyhweba yokubona usana oluza kuba nguMesiya; uSimeyon uprofeta ngalo olu sana

    • IZe 7:23, 30-36—Umprofeti uMoses uneminyaka eyi-80 xa uYehova emenza inkokheli yabantu Bakhe, amaSirayeli

Abantu abasele bekhulile abathembekileyo kuYehova bafanele baphathwe njani?

Lev 19:32; 1Ti 5:1

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 45:9-11; 47:12—UYosefu uthumela ukuba kuziwe notata wakhe osele ekhulile, uYakobi, aze amhoye de asweleke

    • Rut 1:14-17; 2:2, 17, 18, 23—URute uxhasa umama osele emdala, uNahomi, ngamazwi nangezenzo

    • Yoh 19:26, 27—Ngaphambi nje kokuba asweleke, uYesu ucela umpostile wakhe amthandayo uYohane ukuba ahoye umama wakhe

Zeziphi ezinye iindlela amaKristu anokunceda ngazo abantu abasele bekhulile ebandleni?