Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AbaZali

AbaZali

Zeziphi ezinye izizathu zokuba uYehova adale umtshato?

Abazali bafanele babajonge njani abantwana babo?

Nd 127:3-5; 128:3

Jonga nomxholo othi “AbaNtwana; Ulutsha

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

Ngowuphi umsebenzi abazali abamele bawenze ebantwaneni babo?

Dut 6:6, 7; 11:18, 19; IMi 22:6; 2Ko 12:14; 1Ti 5:8

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 1:1-4—UElikana uzisa intsapho yakhe kumatheko aseShilo, futhi uyaqiniseka ukuba bonke abantwana bakhe baba nento abayenzayo

    • Luk 2:39, 41—UYosefu noMariya babesiya qho eYerusalem kwitheko lePasika nabantwana babo besuka eNazarete

Kunceda njani ukufundisa abantwana ukuba bathobele uYehova?

IMi 1:8, 9; 22:6

Jonga no-2Ti 3:14, 15

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 2:18-21, 26; 3:19—Abazali bakaSamuweli banikela ngonyana wabo ukuba aye kukhonza etempileni, kodwa bamana besiya kumbona qho baze bamncede ngezinto azidingayo; ekukhuleni kwakhe uba yindoda emthandayo uYehova nethembekileyo kuye

    • Luk 2:51, 52—UYesu uhlala ebathobela abazali bakhe nangona bengabantu abenza iimpazamo

Abazali banokuyifumana phi into enokubakhokela bakwazi ukukhulisa abantwana babo?

Dut 6:4-9; Efe 6:4; 2Ti 3:14-17

Jonga neNd 127:1; IMi 16:3

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • ABa 13:2-8—Emva kokuba uManowa exelelwe ukuba umfazi wakhe uza kuzala unyana ngokungummangaliso, ucela ukukhokelwa azi indlela yokumkhulisa

    • Nd 78:3-8—UYehova ufuna abazali bafundise abantwana babo izinto abazifunda eZibhalweni

Nangona umntwana esenokukhulela kwintsapho ethanda uThixo, yintoni enokumenza angamkhonzi uYehova?

Hez 18:1-13, 20

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 6:1-5; Yude 6—Nangona iingelosi bezihlala noYehova ezulwini iminyaka emininzi kakhulu, ezininzi zazo zikhetha ukumvukela

    • 1Sa 8:1-3—Nangona uSamuweli engumprofeti othembekileyo nolungileyo, oonyana bakhe ngabantu abanganyanisekanga nabamoshayo

Abazali bafanele baqalise nini ukufundisa abantwana babo iindlela zikaThixo?

2Ti 3:15

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Dut 29:10-12, 29; 31:12; Ezr 10:1—Abantwana baba khona xa kukho iintlanganiso ukuze nabo bafunde iindlela zikaYehova

    • Luk 2:41-52—UYosefu noMariya beza qho nabantwana babo, kuquka uYesu, kwitheko lePasika etempileni eYerusalem

Yeyiphi imizekelo abafanele bayilandele abazali ekukhuseleni abantwana babo ebantwini abanokubenzakalisa?

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Eks 19:4; Dut 32:11, 12—UYehova uzifanisa nokhozi oluthwala, olukhusela noluhoya amantshontsho alo

    • Isa 49:15—UYehova uthembisa ukubahoya nokubakhusela abakhonzi bakhe ngendlela eyogqitha uvelwano umama oncancisayo analo ngosana lwakhe

    • Mat 2:1-16—USathana uzama ukubulala usana olunguYesu ngokwenza ukuba abavumisi ngeenkwenkwezi baye kuKumkani uHerode ongalunganga, kodwa uYehova uyamkhusela unyana Wakhe ngokuxelela uYosefu ukuba afudukele eYiputa nentsapho yakhe

    • Mat 23:37—UYesu ufanisa indlela anqwenela ngayo ukunceda abantu bakhe nendlela isikhukukazi esiwaqokelela nesiwakhusela ngayo amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso

Kutheni abazali befanele bafundise abantwana babo ngezinto ezidibene nokwabelana ngesondo?

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Lev 15:2, 3, 16, 18, 19; Dut 31:10-13—UMthetho KaMoses uthetha phandle ngezinto ezidibene nokwabelana ngesondo, futhi uYehova uyalela ukuba nabantwana babe khona xa ufundwa

    • Nd 139:13-16—Umdumisi uDavide udumisa uYehova ngenxa yendlela emangalisayo owenziwe ngayo umzimba womntu, nangento yokuba umntu ekwazi ukuvelisa inzala

    • IMi 2:10-15—Ulwazi nobulumko obuvela kuYehova bungasikhusela ebantwini abagqwethekileyo nabalahlekisayo

Kutheni abazali befanele babaqeqeshe ngothando abantwana babo?

IMi 13:24; 29:17; Yer 30:11; Efe 6:4

Jonga neNd 25:8; 145:9; Kol 3:21

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Nd 32:1-5—Nangona uKumkani uDavide etyiwa sisohlwayo sikaYehova, kuyamkhulula ukwazi ukuba uYehova uyabaxolela abantu abaguquka nyhani ezonweni zabo

    • Yon 4:1-11—Umprofeti uYona uthetha noYehova ecaphuka futhi engenambeko; kodwa, ngomonde uYehova umfundisa ngokuba nenceba

Kutheni ingqeqesho inokujongwa njengendlela yokubonisa uthando?