Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuTshutshiswa

UkuTshutshiswa

Kutheni amaKristu efanele alindele ukutshutshiswa?

Kutheni sifanele sicele amandla kuYehova xa sitshutshiswa?

Nd 55:22; 2Ko 12:9, 10; 2Ti 4:16-18; Heb 13:6

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Ku 19:1-18—Xa etshutshiswa, umprofeti uEliya ukhuphela uYehova yonke into esentliziyweni yakhe aze akhuthazeke futhi athuthuzeleke

    • IZe 7:9-15—UYosefu utshutshiswa ngabantakwabo, kodwa uYehova uhlala ethembekile kuye, uyamsindisa, futhi usebenzisa yena ukuba asindise intsapho yakhe

Zeziphi ezinye zeendlela zokutshutshiswa?

Ukubethwa ngamazwi

2Kr 36:16; Mat 5:11; IZe 19:9; 1Pe 4:4

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Ku 18:17-35—IRabheshake, isithethi sikakumkani waseAsiriya, ithuka uYehova ize ihlekise ngabantu baseYerusalem

    • Luk 22:63-65; 23:35-37—Abantu abatshutshisa uYesu bayamthuka futhi bahlekisa ngaye ngexesha ebanjiwe naxa ekwisibonda sokungcungcutheka

Ukuchaswa ngabantu bentsapho yethu

Ukubanjwa kuze kufuneke sizithethelele phambi kwabasemagunyeni

Ukuxhatshazwa

Ukuhlaselwa liqela labantu

Ukubulawa

Afanele enze ntoni amaKristu xa etshutshiswa?

Mat 5:44; IZe 16:25; 1Ko 4:12, 13; 1Pe 2:23

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IZe 7:57–8:1—Nangona umfundi uStefano ebulawa ngabantu abamtshutshisayo, ekukho kubo noSawule waseTarso, ucela uThixo ukuba abenzele inceba

    • IZe 16:22-34—Nangona umpostile uPawulos ebethwa aze afakwe ezitokisini, unobubele kunogada wasejele. Loo nto ibangela ukuba lo nogada nabo bonke abantu bendlu yakhe babe ngamakholwa

Yintoni eyenzekayo kwamanye amaKristu exesha labapostile?

Yeyiphi indlela efanelekileyo esifanele sikujonge ngayo ukutshutshiswa?

Ithemba esinalo ngexesha elizayo lisiqinisa njani xa sitshutshiswa?

Kutheni singavumeli ukutshutshiswa kusenze sibe lusizi, soyike, okanye sityhafe, futhi kutheni singanikezeli ekukhonzeni uYehova?

Nd 56:1-4; IZe 4:18-20; 2Ti 1:8, 12

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 32:1-22—Xa uKumkani uHezekiya othembekileyo kusiza kuye uKumkani uSenaribhe ehamba nomkhosi omkhulu eze kumhlasela, uthembela ngoYehova aze aqinise abantu; ufumana umvuzo omkhulu ngenxa yaloo nto

    • Heb 12:1-3—Abantu abatshutshisa uYesu bafuna ukumhlaza, kodwa uYesu akakukhathalelanga ukuhlazeka, akavumi ukuba oko kuphathwa kakubi kumtyhafise

Yintoni entle enokwenzeka xa sitshutshiswa?

Ukunyamezela kwethu kuyamvuyisa uYehova futhi kulenza lizukiswe igama lakhe

1Pe 2:19, 20; 4:12-16

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yob 1:6-22; 2:1-10—UYobhi akavumi ukujikela uYehova nangona engazi ukuba nguSathana omtshutshisayo. Loo nto iyamzukisa uThixo ize yenze kucace mhlophe ukuba uSathana ulixoki

    • Dan 1:6, 7; 3:8-30—UHananiya, uMishayeli, noAzariya (uShadraki, uMeshaki, noAbhednego) abathembekileyo baxolela ukufa kabuhlungu kunokuba bangamthobeli uYehova; loo nto ibangela ukuba uKumkani uNebhukadenetsare azukise uYehova phambi kwabantu

Ukutshutshiswa kungavula indlela yokuba abantu abaninzi bafunde ngoYehova

Luk 21:12, 13; IZe 8:1, 4

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IZe 11:19-21—AmaKristu abaleka intshutshiso aqhubeka esasaza iindaba ezilungileyo kwiindawo ezininzi

    • Fil 1:12, 13—Umpostile uPawulos uvuyiswa yinto yokuba ukuvalelwa kwakhe kuye kwabangela ukuba abantu abaninzi beve iindaba ezilungileyo

Ukunyamezela kwethu xa sitshutshiswa kunokuqinisa nabanye esikhonza nabo

Zidla ngokubandakanyeka njani iinkokheli zonqulo nabantu bepolitiki ekutshutshiseni abakhonzi bakaYehova abathembekileyo?

Yer 26:11; Mar 3:6; Yoh 11:47, 48, 53; IZe 25:1-3

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IZe 19:24-29—E-Efese, abantu abenza iitempilana zesilivere zika-Artemis bavakalelwa kukuba umyalezo oshunyayelwa ngamaKristu uyaphikisana nezithixo futhi uza kubenza baphoswe yimali, ngoko batshutshisa amaKristu

    • Gal 1:13, 14—Ngaphambi kokuba abe ngumKristu, uPawulos (uSawule) uyikhuthalele ngendlela ebaxekileyo inkonzo yobuYuda kangangokuba utshutshisa ibandla

Ngubani owenza batshutshiswe abakhonzi bakaYehova?