Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UmThandazo

UmThandazo

Sazi njani ukuba uYehova uyayimamela futhi uyayiphendula imithandazo?

Nd 65:2; 145:18; 1Yo 5:14

Jonga neNd 66:19; IZe 10:31; Heb 5:7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Ku 18:36-38—UYehova uwuphendula ngokukhawuleza umthandazo kamprofeti uEliya kwiNtaba YeKarmele ngexesha ekhupha ishori abaprofeti bakaBhahali

    • Mat 7:7-11—UYesu usikhuthaza ukuba sihlale sithandaza futhi usiqinisekisa ukuba uTata onothando uYehova uyasimamela

Ngubani ekuphela koMntu amaKristu afanele athandaze kuye?

Sithandaza egameni likabani?

UYehova umamela imithandazo yoobani?

Yimithandazo yoobani angayimameliyo uYehova?

IMi 15:29; 28:9; Isa 1:15; Mik 3:4; Yak 4:3; 1Pe 3:7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yos 24:9, 10—UYehova akammameli uBhileham kuba ucela into engahambisaniyo nokuthanda kukaThixo

    • Isa 1:15-17—UYehova akabamameli abantu bakhe ngenxa yokuba bayahanahanisa futhi banetyala legazi

Yeyiphi indlela efanelekileyo yokuvala umthandazo, futhi kutheni?

Ngaba iBhayibhile ithi kukho indlela esifanele sime ngayo xa sithandaza?

Zeziphi ezinye izinto abanokuzithandazela abakhonzi bakaYehova xa behlanganisene ukuze banqule?

IZe 4:23, 24; 12:5

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Kr 29:10-19—UKumkani uDavide uthandazela ibandla lamaSirayeli xa kuqokelelwa iminikelo yabantu yetempile

    • IZe 1:12-14—Abapostile, abantakwaboYesu, uMariya umama kaYesu, nabanye abafazi abathembekileyo bathandaza kunye kwigumbi eliphezulu eYerusalem

Kutheni umntu othandazayo engafanelanga aziphakamise nakancinci okanye azame ukuzithandisa?

Kufanelekile ukuthandaza xa sizotya?

Kutheni singafanelanga siyenze nakancinci impazamo yokungakuhoyi ukuthandaza kuTata wethu osezulwini?

Rom 12:12; Efe 6:18; 1Te 5:17; 1Pe 4:7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Dan 6:6-10—Umprofeti uDaniyeli uqhubeka ethandaza kuYehova engazifihli, nangona esengozini yokubulawa

    • Luk 18:1-8—UYesu wenza umzekelo wejaji engelolungisa ede inikezele imncede umfazi ongayekiyo ukuyicenga ukuba imenzele ubulungisa ukuze azekelise indlela uTata wethu olilungisa aza kufuna ngayo ukubamamela abakhonzi bakhe xa bengayeki ukumcenga becela uncedo

Sifanele sibe njani ukuba sifuna uThixo ayive imithandazo yethu yokucela uxolo?

2Kr 7:13, 14

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Ku 22:11-13, 18-20—Ngenxa yokuba uKumkani uYosiya ezithoba futhi ezama ukuvuyisa uYehova, wenzelwa inceba nobubele obukhulu

    • 2Kr 33:10-13—UKumkani uManase uthandaza ezithobile, ngenxa yaloo nto uYehova uyamxolela aze aphinde ambuyisele etroneni

Yintoni uYehova ayifunayo kuthi ukuze asixolele?

Kutheni sifanele simxelele uThixo xa sithandaza ukuba sifuna kwenzeke ukuthanda kwakhe?

Kutheni imithandazo yethu ifanele ibonise ukuba sinokholo kuTata wethu osezulwini?

Ziintoni ekungakuhle ukuzithandazela?

Ukungcwaliswa kwegama likaThixo

Ukufika koBukumkani BukaThixo buzolawula emhlabeni

Ukwenzeka kwentando kaYehova

Ukucela izinto esizidingayo ukuze siphile

Ukucela ukuxolelwa izono

Ukucela ukukhuselwa xa silingwa

Ukubulela

Ukucela ukwazi ukuthanda kukaThixo, ukuqonda, nobulumko

IMi 2:3-6; Fil 1:9; Yak 1:5

Jonga neNd 119:34

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • 1Ku 3:11, 12—UYehova uyavuyiswa yinto yokuba uKumkani uSolomon ecele ubulumko futhi umnika ubulumko obuninzi

Ukucela umoya oyingcwele

Ukuthandazela abantu esikhonza nabo, nabo batshutshiswayo

Ukudumisa

Nd 86:12; Isa 25:1; Dan 2:23

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Luk 10:21—UYesu udumisa phambi kwabantu uTata wakhe owenze ukuba abantu abathobeke njengabantwana bayazi inyaniso

    • ISi 4:9-11—Intsapho kaYehova esezulwini imnika imbeko nozuko olumfaneleyo

Ukucela abasemagunyeni ukuba basivumele sikhonze uYehova ngoxolo futhi sishumayele ebantwini

Kufanelekile ukuthandaza xa sibhaptizwa?

Kufanelekile ukuthandazela umntu ogulayo ngokomoya?

Kutheni amadoda edla ngokothula iminqwazi xa ethandaza, futhi kutheni abafazi bethandaza bethwele ngamanye amaxesha?

Yintoni ebaluleke ukogqitha ukuba imithandazo yethu mide kangakanani okanye ichukumisa kangakanani?

IZi 3:41; Mat 6:7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Ku 18:25-29, 36-39—Emva kokuba uEliya exelele abaprofeti bakaBhahali ukuba mabangqine ukuba uBhahali nguthixo okhoyo, bathandaza kuthixo wabo kuphele iiyure ezininzi, kodwa tu ukuba abaphendule

    • IZe 19:32-41—Abantu abanqula izithixo e-Efese bakhwaza bekhala kuthixokazi uArtemis iiyure ezimbini, kodwa akukho kwanto eyenzekayo. Bangxoliswa ngusodolophu nje qha