Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuGuquka

UkuGuquka

Kutheni bonke abantu kufuneka babuyele kuYehova uThixo futhi baguquke?

Rom 3:23; 5:12; 1Yo 1:8

Jonga neZe 26:20

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Luk 18:9-14—UYesu wenza umzekeliso ukuze acacise ukuba kufuneka sivume izono zethu size sithandazele ukuncedwa nguThixo

    • Rom 7:15-25—Nangona uPawulos engumpostile futhi enokholo oluqinileyo, ukhathazwa yiminqweno yesono ekufuneka alwe nayo

IBhayibhile ithi uYehova uziva njani ngabantu abaguqukayo?

Hez 33:11; Rom 2:4; 2Pe 3:9

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Luk 15:1-10—UYesu wenza imizekeliso ukuze aveze ukuba uYehova neengelosi bayavuya xa umoni eguquka

    • Luk 19:1-10—UZakeyu, ongumphathi wabaqokeleli berhafu nothatha imali ebantwini ngokubaqhatha, uyaguquka aze atshintshe iindlela zakhe, atsho axolelwe futhi asindiswe

Sibonisa njani ukuba siguquke nyhani?

Kutheni umntu oguquke nyhani kufuneka afumane ulwazi oluchanileyo?

Rom 12:2; Kol 3:9, 10; 2Ti 2:25

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IZe 17:29-31—Umpostile uPawulos ucacisela abantu baseAthene ukuba kutheni ukukhonza izithixo ikukungazi aze abacenge ukuba baguquke

    • 1Ti 1:12-15—Umpostile uPawulos wenza izono ezimbi kakhulu ngaphambi kokuba abe nolwazi oluchanileyo ngoYesu Kristu

Kubaluleke kangakanani ukuguquka?

Yintoni esiqinisekisayo ukuba uYehova uza kusixolela xa siguquka noba sona kaninzi?

UYehova ubaphatha njani abantu abazivumayo izono zabo baze batshintshe?

Nd 32:5; IMi 28:13; 1Yo 1:9

Jonga nomxholo othi “INceba

Sazi njani ukuba ukuguquka akupheleli nje ekubeni sithi siyaxolisa okanye siyazisola?

2Kr 7:14; IMi 28:13; Hez 18:30, 31; 33:14-16; Mat 3:8; IZe 3:19; 26:20

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 33:1-6, 10-16—Nangona uKumkani uManase enze izinto ezimbi ezininzi kangangexesha elide, ubonisa ukuba uguquke nyhani ngokuthi azithobe, aqhubeke ethandaza, nangokutshintsha iindlela zakhe

    • Nd 32:1-6; 51:1-4, 17—UKumkani uDavide ubonisa ukuba uguqukile ngokuzisola kakhulu ngezono azenzileyo kuYehova, ngokuzivuma, nangokuthandaza

Kutheni sifanele sibaxolele abantu abasimoshileyo xa beguqukile?