Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuLungisa Ukungavani

UkuLungisa Ukungavani

Kutheni sifanele sikuphephe ukuba nomsindo okanye ukuziphindezela xa sikhutyekiswe ngomnye umntu?

IMi 20:22; 24:29; Rom 12:17, 18; Yak 1:19, 20; 1Pe 3:8, 9

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 25:9-13, 23-35—Xa uNabhali engamboneli ntweni uDavide namadoda akhe futhi engavumi ukubanceda, uDavide ungxama ngokwenza isigqibo sokumbulula, yena nayo yonke into eyindoda esendlini yakhe, kodwa uAbhigali umnika icebiso lobulumko elimncedayo uDavide asinde kwityala legazi

    • IMi 24:17-20—Ephefumlelwe, uKumkani uSolomon ulumkisa abantu bakaThixo ngelithi uYehova akavuyi xa sivuyela ukuwa kotshaba lwethu; ubulungisa sibuyekela ezandleni zikaYehova

Ukuba umKristu ubhidene nomnye umntu, ngaba ufanele angathethisani naye okanye amqumbele?

Lev 19:17, 18; 1Ko 13:4, 5; Efe 4:26

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Mat 5:23, 24—UYesu ucacisa ukuba sifanele senze yonke into esinokukwazi ukuyenza ukuze senze uxolo nomzalwana okhathazekileyo ngenxa yethu

Yeyiphi eyona nto enothando esinokuyenza xa sicatshukisiwe?

Kutheni sifanele sibaxolele nabantu abasimoshe kaninzi ukuba baguquke nyhani?

Ukuba into esikhubekisileyo inkulu kakhulu kangangokuba asinakukwazi ukuyiyeka igqithe, ngokomzekelo, ukuba umntu uye wangcolisa igama lethu okanye wasenzela ubuqhetseba, ngubani ofanele athethe naloo mntu, futhi athethe eneyiphi injongo?

Ukuba umntu oye wangcolisa igama lethu okanye wasenzela ubuqhetseba akafuni kuguquka xa sithetha naye, sifanele senze ntoni?