Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IsOno

IsOno

Siyintoni isono, futhi kutheni sonke sinaso?

IBhayibhile isiqinisekisa njani ukuba singakwazi ukulwa neminqweno yethu yesono?

Rom 6:12-14

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Sa 11:2-5, 14, 15, 26, 27; 12:1-13—UKumkani uDavide wenza izono ezinzulu, ohlwaywe kakhulu, aze azame ngamandla ukulungisa iindlela zakhe

    • Rom 7:15-24—UPawulos, umpostile onokholo oluqinileyo nozinikeleyo kuThixo, uchaza indlela ekufuneka esebenze nzima ngayo ukuze alwe neminqweno yesono

Ukungazi nokuqhathwa kubenza bone njani abantu abaninzi?

Kutheni kuyinto enzulu kakhulu ukona ngabom?

Unokusebenzisa ntoni uSathana ukuze ahende abakhonzi bakaThixo ukuba bone?

IMi 1:10, 11, 15; Mat 5:28; Yak 1:14, 15

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 3:1-6—USathana uthetha esebenzisa inyoka, uhenda uEva ngokumenza afune ukwanelisa iminqweno yakhe nangokumenza angamthembi uYehova

    • IMi 7:6-10, 21-23—UKumkani uSolomon uchaza indlela umfana osemtsha ongasebenzisi ngqondo oyiswa ngayo sisihendo somfazi oziphethe kakubi

Singazilwa njani izihendo zikaSathana?

Efe 4:27; 6:10-18; Yak 4:7, 8

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IMi 5:1-14—UKumkani uSolomon uthetha ngendlela utata anokuthetha ngayo nonyana wakhe, udlulisa icebiso elisuka kuYehova elichaza isizathu nendlela yokuphepha isihendo sokuziphatha kakubi ngokwesondo

    • Mat 4:1-11—UYesu ungumzekelo omhle ekulweni izihendo zikaSathana ezichuliweyo ngokusebenzisa iLizwi LikaThixo

Zeziphi ezinye izono ezinzulu amaKristu afanele ahambele kude kuzo?

Jonga umxholo othi “IziNto Ezirongo

Ukuvuma izono

Kutheni singafanelanga sizame ukuzifihla izono zethu?

Ngubani esifanele sivume kuye zonke izono zethu?

Ngubani oba ‘ngumncedi’ ngokuthi asimele kuYehova?

Ngaba umoni angabonisa ngezenzo zakhe ukuba uguqukile?

IZe 26:20; Yak 4:8-10

Jonga nomxholo othi “UkuGuquka

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Eks 22:1-12—Phantsi koMthetho KaMoses, isela kufuneka libabhatale abantu elibabeleyo

    • Luk 19:8, 9—UZakeyu umphathi wabaqokeleli berhafu ubonisa ukuba uguqukile ngokutshintsha iindlela zakhe nangokubhatala abantu abaqhathileyo

Kutheni sinokumthemba uYehova ukuba uza kusixolela?

Jonga umxholo othi “UkuXolela

Yintoni ayilungiseleleyo uYehova ukuze xa umntu enze isono esinzulu afumane uncedo futhi kukhuselwe nebandla?

Isono esinzulu sinokwenza ntoni kwabanye entsatsheni okanye ebandleni?

Heb 12:15, 16

Jonga neDut 29:18

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yos 7:1-13, 20-26—UAkan uzisela onke amaSirayeli intlekele ngokwenza isono esinzulu nangokuzama ukusifihla

    • Yon 1:1-16—Umprofeti uYona ubeka ubomi babantu akunye nabo enqanaweni engozini ngenxa yokuba evukela uYehova

    • 1Ko 5:1-7—Umpostile uPawulos uveza isono esinzulu esonakalisa lonke ibandla eKorinte

Kutheni ukoyika isohlwayo kungafanelanga kusinqande ekubeni sicele uncedo kubadala?

Kutheni sifanele sikwamkele ukuxolelwa nguThixo kunokuba sikhathazeke into engapheliyo ngenxa yesono esasenzayo ngaphambili?

Jonga umxholo othi “UkuXolela

Ukuba kuyenzeka kubekho isono esinzulu esisaziyo, kutheni sifanele siqiniseke ukuba umoni uxelela abadala ngaloo nto?

Lev 5:1

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Dut 13:6-9; 21:18-20—UMthetho KaMoses ufuna ukuba umntu axele nesono esinzulu esenziwe lilungu lentsapho okanye ngumntu amthandayo