Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkungaTshati

UkungaTshati

Kutheni ukungatshati kunokujongwa njengesiphiwo?

Kutheni kunokuba yinto erongo ukunyanzelisa umKristu ongatshatanga ukuba atshate?

1Ko 7:28, 32-35; 1Te 4:11

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Rom 14:10-12—Umpostile uPawulos ucacisa ukuba kutheni kurongo ukugweba omnye umKristu

    • 1Ko 9:3-5—Umpostile uPawulos unelungelo lokutshata; kodwa ukungatshati kwakhe kumnceda akwazi ukusebenzela uYehova kakhulu

Ngaba abantu abangatshatanga bafanele bacinge ukuba kufuneka batshate ukuze bonwabe?

1Ko 7:8

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • ABa 11:30-40—Intombi kaYifeta ihlala ingatshatanga futhi yenza into ebalulekileyo ngobomi bayo

    • IZe 20:35—Amazwi kaKristu abonisa ukuba wayonwabile ngoku engatshatanga kuba wayesipha

    • 1Te 1:2-9; 2:12—Umpostile uPawulos, oyindoda engatshatanga, uchaza izinto ezimenza avuye futhi aneliseke emsebenzini kaYehova

Kutheni abantu abangatshatanga befanele bahlale beziphethe ngendlela ecocekileyo njengabo bonke abakhonzi bakaThixo?

1Ko 6:18; Gal 5:19-21; Efe 5:3, 4

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IMi 7:7-23—UKumkani uSolomon uchaza into ebuhlungu eyenzeka kumfana ovumela ukuqhathwa ngumfazi oziphethe kakubi

    • Ngo 4:12; 8:8-10—UmShulamikazi uchazwa ngendlela encoma ukuziphatha kwakhe ngendlela ecocekileyo

Kunini apho umntu ongatshatanga kunokuba bubulumko ukuba acinge ngokutshata?

1Ko 7:9, 36

Jonga nama-1Te 4:4, 5