Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuFundisisa

UkuFundisisa

Kutheni umKristu kufuneka alifunde qho iLizwi LikaThixo?

Nd 1:1-3; IMi 18:15; 1Ti 4:6; 2Ti 2:15

Jonga neZe 17:11

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Nd 119:97-101—Umdumisi ophefumlelweyo uchaza indlela awuthanda ngayo umthetho kaThixo aze abalise iindlela ekumnceda ngazo ukuwusebenzisa ebomini bakhe

    • Dan 9:1-3, umbhalo osemazantsi—Ngenxa yokufunda kwakhe iincwadi ezingcwele, umprofeti uDaniyeli uyakwazi ukuqonda ukuba iminyaka eyi-70 yokuthinjwa kwamaSirayeli sele iza kuphela

Kutheni kufuneka siqhubeke silwandisa ulwazi lwethu?

Heb 6:1-3; 2Pe 3:18

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IMi 4:18—Njengokukhanya okuya kukhanya ngokukhanya, uYehova uqhubeka emkhanyisela inyaniso yeBhayibhile umntu othanda uThixo

    • Mat 24:45-47—UYesu uchaza kwangaphambili ukuba ngemihla yokugqibela uza kumisela ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ eliza kunika abasenzi bakhe ukutya abakudingayo ngexesha elifanelekileyo ukuze bahlale besondelelene noYehova

Kutheni ubulumko obuseBhayibhileni sifanele sibuxabise ngaphezu kwabo bonke ubulumko obukwiincwadi ezibhalwe ngabantu?

UYehova uthembisa ukubanika ntoni abantu abafundisisa iBhayibhile beneenjongo ezintle?

Yintoni ekufuneka siyithandazele ukuze kusincede ukufundisisa kwethu iBhayibhile?

Kutheni sifanele siqiniseke ukuba konke ukutya okusisondeza kuYehova okuvela ‘kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ akusiphosi?

Kutheni sifanele sikhangele ulwazi oluchanileyo, siqiniseke ukuba sizijonga zonke iinkcukacha?

Kubaluleke kangakanani ukuba sifumane ubulumko nokuqonda?

Kutheni kufuneka singangxami xa sifunda futhi sicinge nzulu ngento esiyifundayo?

Kutheni sifanele sicinge ukuba iLizwi LikaThixo sinokulisebenzisa njani ebomini bethu?

Kutheni sifanele siyicinge kakuhle indlela esinokubabalisela ngayo abanye into esiyifundileyo?

Kungasinceda njani ukumana sizifunda iinyaniso ezibalulekileyo?

2Pe 1:13; 3:1, 2

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Dut 6:6, 7; 11:18-20—UYehova uyalela abantu bakhe ukuba babethelele amazwi akhe ebantwaneni babo, babafundise ngokumana bewaphindaphinda

Kunceda ngantoni ukuba intsapho incokole ngeLizwi LikaThixo?

Efe 6:4

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 18:17-19—UYehova ufuna ukuba uAbraham afundise abantu bendlu yakhe ukuba ngamalungisa

    • Nd 78:5-7—KwaSirayeli, isizukulwana ngasinye kufuneka sifundise esilandelayo ukuze naso sithembele ngoYehova

Ukufundisisa kunye silibandla kusinceda njani?