Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UbuLumko

UbuLumko

Yintoni efunekayo ukuze sibe nobulumko bokwenene?

Singabufumana phi ubulumko bokwenene?

Ngaba kufanelekile ukuthandazela ubulumko kuThixo?

Kol 1:9; Yak 1:5

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 1:8-12—UKumkani osemtsha uSolomon uthandazela ubulumko ukuze awalawule kakuhle amaSirayeli, futhi uYehova uyakuvuyela ukumnika

    • IMi 2:1-5—Ubulumko, ukuqonda, nokuqiqa kufaniswa nobuncwane obufihliweyo ekukuhle ukuba sibukhangele, futhi uYehova ubenza babufumane abantu ababukhangela bekhuthele

UYehova usebenzisa bani futhi nantoni ukuze asinike ubulumko?

Isa 11:2; 1Ko 1:24, 30; 2:13; Efe 1:17; Kol 2:2, 3

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IMi 8:1-3, 22-31—Ubulumko buchazwa njengomntu futhi indlela obuchazwa ngayo idibana noNyana kaThixo

    • Mat 13:51-54—Abantu abaninzi abamamele uYesu abaqondi ukuba kwenzeka njani ukuba umntu okhulele phakathi kwabo abe nobulumko obuninzi kangaka

Zeziphi ezinye iindlela esinokubonakala ngazo ukuba sinobulumko bukaThixo?

Ubulumko busikhokela futhi busikhusele njani ebomini?

Buxabiseke kangakanani ubulumko obuvela kuThixo?

IMi 3:13, 14; 8:11

Jonga noYob 28:18

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yob 28:12, 15-19—Nangona uYobhi esentlungwini yokuswelekelwa, eqaqanjelwa, futhi elahlekelwe zizinto, ubulela indlela obuxabiseke ngayo ubulumko bukaThixo

    • Nd 19:7-9—UKumkani uDavide uthi umthetho nezikhumbuzo zikaYehova zingamnika ubulumko umntu ongenamava

Bunokusenzakalisa njani ubulumko beli hlabathi obungamhoyiyo uThixo?