Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UmSebenzi

UmSebenzi

Ukusebenza novuyo zidibana njani?

Kunceda ngantoni ukufunda ukwenza umsebenzi omhle nowobuchule?

IMi 22:29

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 16:16-23—UDavide osemtsha waziwa njengomculi onobuchule, italente emenza axatyiswe kakhulu ngukumkani wakwaSirayeli osenkathazweni

    • 2Kr 2:13, 14—Ngenxa yokuba lichule kwakhe, uHiram-abhi wamnceda kakhulu uKumkani uSolomon kumsebenzi omkhulu wokwakha

Abakhonzi bakaYehova bafuna ukwaziwa njengabakhonzi abanjani?

Efe 4:28; Kol 3:23

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 24:10-21—URebheka usenzela into engaphezulu kwale besimcele yona isicaka sika-Abraham, into ebonisa ukuba wayeluncedo futhi ekhuthele

    • Fil 2:19-23—Umpostile uPawulos unika umfana onguTimoti umsebenzi obaluleke kakhulu kuba uthobekile futhi uzimisele ukubasebenzela nzima abanye abantu

Kutheni abakhonzi bakaThixo bengafuni nokukubona ukonqena?

IMi 13:4; 18:9; 21:25, 26; INt 10:18

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • IMi 6:6-11—UKumkani uSolomon uthetha ngembovane ukuze afundise ngokusebenza nzima nangokuphepha ukonqena

Kutheni sifanele sizisebenzele nzima izinto esizidingayo?

Kutheni sifanele sisebenze nzima ukuze sikhathalele abantu abaxhomekeke kuthi ezintsatsheni zethu?

1Ti 5:8

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Rut 1:16, 17; 2:2, 3, 6, 7, 17, 18—Umhlolokazi osemtsha uRute usebenza nzima ukuze akhathalele umamazala wakhe uNahomi

    • Mat 15:4-9—UYesu uyabagxeka abantu abasithela ngokukhonza uThixo bangabakhathaleli abazali babo

AmaKristu afanele azimisele ukwenza ntoni ngezinto azisebenzele nzima?

Yeyiphi indlela entle esifanele sicinge ngayo ngomvuzo wethu?

Sazi njani ukuba uYehova uzimisele ukusinceda siyenze kakuhle imisebenzi yethu nokusinceda sifumane izinto esizidingayo?

Mat 6:25, 30-32; Luk 11:2, 3; 2Ko 9:10

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 31:3-13—ULabhan uyamqhatha umkhwenyana okwangumsebenzi wakhe uYakobi, kodwa uYehova uyakubona ukusebenza nzima kukaYakobi aze amsikelele

    • Gen 39:1-6, 20-23—UYehova uyawusikelela umsebenzi kaYosefu, wokuba sisicaka sikaPotifare nowokuba libanjwa

Kutheni umsebenzi wethu wempangelo ungamelanga ubaluleke ngaphezu kokusebenzela kwethu uThixo?

Nd 39:5-7; Mat 6:33; Yoh 6:27

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Luk 12:15-21—UYesu wenza umzekeliso ukuze afundise ukuba bubudenge ukusebenzela ukwenza imali eninzi ngaphezu kokusebenzela ukusondela kuThixo

    • 1Ti 6:17-19—Umpostile uPawulos ulumkisa amaKristu azizityebi ngengozi yokuziphakamisa aze awakhuthaze ukuba ‘enze izinto ezininzi ezintle’

Yeyiphi imigaqo efanele isikhokele xa sikhetha umsebenzi?

Ukusebenzela uYehova

Ngowuphi owona msebenzi obalulekileyo anokuwenza amaKristu?

Kutheni sizimisele ukumsebenzela ngamandla ethu onke uYehova?

Kutheni singafanelanga silindele ukuba wonke umntu amsebenzele ngendlela efanayo uYehova?

Gal 6:3-5

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 25:14, 15—Umzekeliso kaYesu ubonisa ukuba akalindelanga bonke abalandeli bakhe bamsebenzele ngendlela efanayo

    • Luk 21:2-4—UYesu uncoma indlela oxabiseke kakhulu ngayo umnikelo omncinci womhlolokazi olihlwempu

Siwathatha phi amandla okwenza umsebenzi esiwunikiweyo enkonzweni kaYehova?

2Ko 4:7; Efe 3:20, 21; Fil 4:13

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • 2Ti 4:17—Umpostile uPawulos uyavuma ukuba ufumene amandla awadingayo ngexesha ebewadinga ngalo

Kutheni kuvuyisa ukukhuthala enkonzweni kaYehova?