Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuNqula

UkuNqula

Ngubani ekuphela koMntu esifanele simnqule?

Eks 34:14; Dut 5:8-10; Isa 42:8

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 4:8-10—USathana uthembisa ukunika uYesu zonke izikumkani zehlabathi ukuba angenza into ekukumnqula; uYesu uyayikhaba yonke loo nto, uzimisele ukunqula uYehova kuphela

    • ISi 19:9, 10—Ingelosi enamandla ayivumi ukunqulwa ngumpostile uYohane

UYehova ufuna simnqule njani?

Yoh 4:24; Yak 1:26, 27

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Isa 1:10-17—UYehova akakwamkeli futhi akavuyiswa kukunqulwa ngabantu abangafuniyo ukuphila ngemithetho nemigaqo yakhe

    • Mat 15:1-11—UYesu ubonisa ukuba uYehova akafuni simnqule silandela izithethe zabantu, kodwa ufuna simnqule silandela imithetho kaThixo

Ngoobani esifanele simnqule nabo uYehova qho xa kunokwenzeka?

Heb 10:24, 25

Jonga neNd 133:1-3

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IZe 2:40-42—AmaKristu okuqala ayahlanganisana ukuze athandaze kunye, achithe ixesha kunye, futhi afundisise iimfundiso eziphefumlelwe ngomoya oyingcwele

    • 1Ko 14:26-40—Umpostile uPawulos uyalela ukuba iintlanganiso zebandla zibe nocwangco futhi zikhuthaze ukuze wonke umntu afunde futhi ayiqonde into efundiswayo

Yintoni esifanele siyenze ukuze siqiniseke ukuba simnqula ngendlela eyamkelekileyo uYehova?

Mat 7:21-24; 1Yo 2:17; 5:3

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Heb 11:6—Umpostile uPawulos ucacisa ukuba ukholo luyafuneka ukuba sifuna ukumnqula ngendlela eyamkelekileyo uYehova

    • Yak 2:14-17, 24-26—UYakobi, umntakwaboYesu, ucacisa ukuba ukholo lwethu lufanele lukhatshwe zizenzo; ukholo lusenza senze into