Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho


Unokwenza njani ukuze zikuncede ezi zifundo zeBhayibhile?

Unokwenza njani ukuze zikuncede ezi zifundo zeBhayibhile?

Cela umntu afunde nawe: Cela lo mntu ukunike le ncwadana ukuba afunde nawe iBhayibhile okanye ufake isicelo kwiwebhsayithi yethu ethi jw.org/xh.

INDAWO YOKUQALA

Funda zonke iziqendu, imibuzo ebhalwe ngqindilili (A) nezibhalo (B). Uzuqaphele ukuba ezinye izibhalo zibhalwe “funda.”

EPHAKATHI

Indawo ethi Funda Nezinye Izinto (C) ichaza izinto oza kuzifunda. Imixholwana (D) ibonisa izinto eniza kuthetha ngazo. Funda izibhalo, uphendule imibuzo uze ubukele neevidiyo (E).

Jonga imifanekiso namazwi asecaleni kwawo (F), uze ucinge ukuba ungawuphendula njani umbuzo okwindawo ethi Abanye Abantu Bathi (G).

EYOKUGQIBELA

Isifundo siphela kwindawo ethi Ufunde Ntoni? nethi Khawutsho (H). Xa usigqibile eso sifundo, bhala umhla osigqibe ngawo. Phantsi kwendawo ethi Into Endizimisele Ukuyenza (I) ufumana into onokuyenza. Kwethi Jonga Nezi Zinto (J) kukho nezinye izinto onokuzifunda okanye uzibukele.

Indlela yokufumana iivesi zeBhayibhile

Izibhalo zinencwadi yeBhayibhile (A), isahluko (B), nevesi okanye iivesi (C). Ngokomzekelo xa kusithwa Yohane 17:3 kuthethwa ngencwadi kaYohane, isahluko 17, ivesi 3.