Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Bazalwana Noodade Abathandekayo:

Ukuthanda uThixo nabantu kusenza ‘sihambe siyokubenza abafundi abantu beentlanga zonke, sibabhaptize.’ (Mat. 28:19, 20; Marko 12:28-31) Ukubathanda nyhani abantu kunamandla. Kungazichukumisa iintliziyo zabo ‘bazimisele ukufumana ubomi obungunaphakade.’​—IZe. 13:48.

Ngaphambili, eyona nto besiyenza kakhulu kukunkqaya iintshumayelo nokunika abantu iincwadi zethu. Ngoku into ekufuneka siyenze kukuphucula indlela esincokola ngayo nabantu. Sifuna ukubonisa ukuba siyabathanda ngokuthetha ngezinto bona abanomdla kuzo. Loo nto ke ifuna sibe bhetyebhetye, sicinge kakhulu ngezinto ezimkhathazayo umntu nanomdla kuzo. Le ncwadana iza kusinceda njani sikwazi ukuyenza loo nto?

Le ncwadana inezifundo eziyi-12 ezineempawu ekufuneka sizame ukuba nazo ukuze silwenze lubonakale uthando futhi senze abafundi. Isifundo ngasinye sithathwe kwibali eliseBhayibhileni elithetha ngophawu uYesu okanye abanye abashumayeli bexesha lamaKristu okuqala abalubonisayo kumsebenzi wokushumayela. Injongo ayikokunkqaya iintshumayelo, kodwa kukukhangela iindlela esinokulwenza lubonakale ngazo uthando esinalo ngabantu. Ewe kona zonke ezi mpawu ziyafuneka kumsebenzi wethu wokushumayela, kodwa siza kujonga indlela ezinye iimpawu ezifuneka kakhulu ngayo xa siqalisa incoko, sibuyela kubantu ebebenomdla, okanye siqhuba izifundo zeBhayibhile.

Kwisifundo ngasinye osiqwalaselayo, cinga nzulu ngendlela ongalwenza lubonakale ngayo olo phawu xa uthetha nabantu basekuhlaleni. Zama ukulwenza luqine uthando onalo ngoYehova nangabantu. Kubo bonke ubuchule obukhoyo, olo thando yeyona nto eza kukwenza ukwazi ukwenza abafundi.

Siyayixabisa inyhweba enkulu esinayo yokusebenza nani. (Zef. 3:9) Akwaba uYehova anganisikelela kakhulu njengoko niqhubeka nithanda abantu futhi nisenza abafundi!

Abazalwana benu,

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova