Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUQALISA INCOKO

ISIFUNDO 1

Umdla Wabantu

Umdla Wabantu

Umgaqo: “Uthando . . . aluzicingeli lona lodwa.”​—1 Kor. 13:4, 5.

Into Eyenziwa NguYesu

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde uYohane 4:6-9. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo ilandelayo:

  1.    Waqala waphawula ntoni uYesu ngalo mfazi ngaphambi kokuba aqalise incoko?

  2.   UYesu wathi: “Khawundiphe amanzi ndisele.” Yintoni eyabangela ukuba le ndlela ikwazi ukuqalisa incoko?

Sifunda Ntoni KuYesu?

2. Maninzi amathuba okuba sincokole kamnandi nomntu ukuba siqalisa incoko ngento emenza abe nomdla.

Yenza NjengoYesu

3. Yiba bhetyebhetye. Sunyanzelisa ukuqalisa incoko ngento ecingwa nguwe. Yiqalise ngento ecingwa ngabantu namhlanje. Zibuze:

  1.    ‘Ziintoni ekuthethwa ngazo ezindabeni?’

  2.   ‘Ziintoni abathetha ngazo abamelwane bam, abantu endisebenza nabo, okanye endifunda nabo?’

4. Yiba nelihlo eliqaphelayo. Zibuze:

  1.    ‘Yintoni ayenzayo ngoku lo mntu? Inoba ucinga ngantoni?’

  2.   ‘Indlela lo mntu anxibe ngayo, indlela ayiyo xa ndimjongile, okanye ikhaya lakhe lindixelela ntoni ngeenkolelo okanye amasiko akhe?’

  3.   ‘Ngaba eli lixesha anokukwazi ukuthetha ngalo lo mntu?’

5. Mamela.

  1.    Suthetha kakhulu.

  2.   Yenza kube lula ukuba umntu athethe into ayicingayo. Xa kufanelekile, buza imibuzo.