Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUQALISA INCOKO

ISIFUNDO 2

Incoko Mayiziqhube

Incoko Mayiziqhube

Umgaqo: “Alisemnandi nje ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo!”​—IMize. 15:23.

Into Eyenziwa NguFilipu

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde iZenzo 8:30, 31. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo ilandelayo:

  1.    UFilipu wayiqalisa njani incoko?

  2.   Kwakutheni ukuze le ibe yindlela ekhululekileyo yokuqalisa incoko neyokuyifundisa into entsha le ndoda?

Sifunda Ntoni KuFilipu?

2. Ukuba siyayiyeka incoko iziqhube, kuza kuba lula ukuba umntu akhululeke futhi ayimamele into esiyithethayo.

Yenza NjengoFilipu

3. Yiba nelihlo eliqaphelayo. Izinto umntu azenza ngobuso, indlela ame ngayo nezinto azenza ngezandla nangentloko yakhe, zinokukuxelela into eninzi. Ngaba lo mntu ubonakala ekufuna ukuthetha nawe? Ungaqalisa ukuthetha ngento eseBhayibhileni ngokubuza umbuzo olula, “Ubusazi ukuba . . . ” Suyinyanzela incoko nomntu ongafuniyo ukuthetha.

4. Yiba nomonde. Sucinga ukuba kufuneka ukhawuleze uthethe ngeBhayibhile zisuka. Linda ibe lithuba elihle lokuba uyifake encokweni ngokungathi izenzekele. Ngamany’ amaxesha kunokufuneka ulinde de kube xa nincokola kwakhona kwixesha elizayo.

5. Hamba nencoko. Incoko ingavele iye apho ubungalindelanga khona. Ngoko kulungele ukuncokola ngento eseBhayibhileni ethetha nalo mntu, nokuba akuyiyo le ubunayo engqondweni.