Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUQALISA INCOKO

ISIFUNDO 3

Ububele

Ububele

Umgaqo: “Uthando . . . lunobubele.”​—1 Kor. 13:4.

Into Eyenziwa NguYesu

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde uYohane 9:1-7. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:

  1.    Waqala wenza ntoni uYesu? Waqala ngokuyiphilisa le ndoda yayingaboni okanye waqala ngokuyixelela iindaba ezilungileyo?​—Jonga uYohane 9:35-38.

  2.   Inoba kwakutheni ukuze indlela uYesu awaqala ngayo yenze le ndoda izimamele iindaba ezilungileyo?

Sifunda Ntoni KuYesu?

2. Maninzi amathuba okuba umntu ayimamele into esiyithethayo xa ebona ukuba simkhathalele.

Yenza NjengoYesu

3. Yiba novelwano emntwini. Zifake ezihlangwini zakhe.

  1.    Zibuze: ‘Inoba yintoni anexhala layo? Yintoni anokuyifumanisa iluncedo nanokuba nomdla kuyo?’ Ukwenza loo nto kuza kukunceda ukuba ube nobubele nyhani kulo mntu.

  2.   Yenze ibonakale into yokuba uzikhathalele izinto ezibalulekileyo kulo mntu ngokummamela. Ukuba ukuxelela indlela aziva ngayo ngento okanye ukubalisela ngengxaki anayo, sukuyitshintsha incoko.

4. Thetha ngobubele nangembeko. Xa unovelwano ngomntu futhi ufuna nyhani ukumnceda, loo nto iza kuvakala kwindlela othetha ngayo. Wakhethe kakuhle amazwi akho nendlela oza kuwathetha ngayo, ukulumkele ukuthetha izinto eziza kumkhubekisa.

5. Yiba ngumntu oncedayo. Khangela amathuba afanelekileyo okwenza izinto eziza kunceda umntu. Ukwenzela umntu ububele kungavula ithuba lokuncokola.