Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUQALISA INCOKO

ISIFUNDO 4

Ukuthobeka

Ukuthobeka

Umgaqo: “Nithobeke, nibajonga abanye njengababhetele kunani.”​—Fil. 2:3.

Into Eyenziwa NguPawulos

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde iZenzo 26:2, 3. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo ilandelayo:

  1.    UPawulos wabonakala njani ukuba uthobekile kwindlela awathetha ngayo noKumkani uAgripa?

  2.   Wenza njani uPawulos ukuze kucingwe ngoYehova nangeZibhalo endaweni yokutsalela amehlo kuye?​—Jonga iZenzo 26:22.

Sifunda Ntoni KuPawulos?

2. Into esiyithethayo ibangela umdla kakhulu xa sithobekile futhi sinembeko.

Yenza NjengoPawulos

3. Sukubajongela phantsi abantu. Sukumenza omnye umntu azive ngathi akazi nto wena wazi yonk’ into. Thetha naye ngembeko.

4. Yenza kucace ukuba into oyifundisayo isuka eBhayibhileni. ILizwi LikaThixo linokuzichukumisa iintliziyo zabantu. Xa sisebenzisa iBhayibhile, sibanceda babe nokholo kwiLizwi LikaThixo hayi kwinto ethethwa sithi.

5. Hlala uzolile. Sufuna ukuviwa ngenkani. Asifuni ukuba sibe siphikisana nabantu. Thobeka ngokuthi uhlale uzolile nangokulazi ixesha lokuhamba. (IMize. 17:14; Tito 3:2) Ukuba umphendula uzolile umntu, usenokumamela kwixesha elizayo.