Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUQALISA INCOKO

ISIFUNDO 5

Ubuchule Bokuthetha

Ubuchule Bokuthetha

Umgaqo: “Hlalani nithetha kakuhle.”​—Kol. 4:6.

Into Eyenziwa NguPawulos

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde iZenzo 17:22, 23. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:

  1.    UPawulos waziva njani ngezinto zonqulo lobuxoki awazibona zisenziwa eAthene?​—Jonga iZenzo 17:16.

  2.   Kunokuba abagxeke abantu baseAthene, uPawulos wazisebenzisa njani iinkolelo zabo ukuze abaxelele iindaba ezilungileyo?

Sifunda Ntoni KuPawulos?

2. Maninzi amathuba okuba abantu basimamele ukuba siyikhetha kakuhle into esiyithethayo, indlela esiyithetha ngayo, nexesha esiyithetha ngalo.

Yenza NjengoPawulos

3. Wakhethe kakuhle amazwi akho. Ngokomzekelo, xa uthetha nomntu ongakholelwayo kuKristu, kusenokufuneka uyitshintshe indlela oyibiza ngayo iBhayibhile okanye ombiza ngayo uYesu.

4. Sungxamela ukumlungisa umntu. Myeke akhululeke athethe. Xa ethetha into engavumelaniyo nezinto ezifundiswa yiBhayibhile, suphikisana naye. (Yak. 1:19) Xa ummamela, uza kutsho wazi into ayikholelwayo nesizathu sokuba ekholelwa kuyo.​—IMize. 20:5.

5. Apho kunokwenzeka khona vumelana naye futhi umncome. Yena usenokukholelwa ukuba iinkolelo zakhe zichanile, engazi ukuba kanti akunjalo. Zama ukuthetha ngento enivumelana ngayo, uze kancinci kancinci umncede aqonde into ethethwa yiBhayibhile.