Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUQALISA INCOKO

ISIFUNDO 6

Isibindi

Isibindi

Umgaqo: “UThixo wethu wasinika isibindi sokuba sinixelele ngeendaba zakhe ezilungileyo.”​—1 Tes. 2:2.

Into Eyenziwa NguYesu

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde uLuka 19:1-7. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:

  1.    Yintoni eyayinokwenza abanye abantu bangamfuni uZakeyu?

  2.   Yintoni eyenza uYesu akakuhoya ukungafunwa kukaZakeyu, wamshumayeza iindaba ezilungileyo?

Sifunda Ntoni KuYesu?

2. Kufuneka sibe nesibindi ukuze sishumayele iindaba zoBukumkani kubo bonke abantu, singakhethi.

Yenza NjengoYesu

3. Thembela ngoYehova. Umoya kaThixo wanika uYesu amandla okushumayela, futhi ungakunika nawe. (Mat. 10:19, 20; Luka 4:18) Cela uYehova akunike isibindi sokushumayela ebantwini oboyikayo.​—IZe. 4:29.

4. Sukuqala ngokubagweba abantu. Sisenokonqena ukuthetha nabany’ abantu ngenxa yendlela ababonakala ngayo, into abayiyo ekuhlaleni okanye ipokotho yabo, indlela abaphila ngayo, okanye ngenxa yeenkolo zabo. Kodwa khumbula:

  1.    NguYehova noYesu abakwaziyo ukufunda iintliziyo zabantu; thina asikwazi.

  2.   Akukho mntu ungafanelwanga yinceba kaYehova.

5. Isibindi sakho masikhatshwe yimbeko nakukulumka. (Mat. 10:16) Kubaleke ukuphikisana nabantu. Yiphelise ngomoya omhle incoko ukuba umntu akafuni kuzimamela iindaba ezilungileyo okanye uziva ungakhuselekanga.​—IMize. 17:14.