Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUBUYELA

ISIFUNDO 8

Umonde

Umonde

Umgaqo: “Uthando lunomonde.”​—1 Kor. 13:4.

Into Eyenziwa NguYesu

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde uYohane 7:3-5 neyoku-1 kwabaseKorinte 15:3, 4, 7. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:

  1.    Ekuqaleni abantakwaboYesu babesithini ngokushumayela kukaYesu?

  2.   Yintoni ebonisa ukuba uYesu zange amncame umninawa wakhe uYakobi?

Sifunda Ntoni KuYesu?

2. Kufuneka sibe nomonde kuba abany’ abantu bathath’ ixesha kunabanye ukwamkela iindaba ezilungileyo.

Yenza NjengoYesu

3. Zama eny’ indlela. Ukuba umntu akasamkeli zisuka isifundo seBhayibhile, sukumnyanzela. Xa imeko ivuma, sebenzisa iividiyo namanqaku ukuze umncede aqonde into eyenziwayo xa kufundwa iBhayibhile nendlela anokuncedakala ngayo.

4. Suthelekisa. Abantu abafani. Ukuba ilungu le ntsapho okanye umntu obuyela kuye akade avume ukufunda iBhayibhile okanye ukwamkela into eyifundisayo, cinga ukuba inoba siyintoni isizathu. Ngaba ubanjwe yinkolelo ayixabise kakhulu? Ngaba ucinezelwa zizizalwana okanye abamelwane? Mnike ixesha lokuba acinge ngento omxelele yona nangendlela eluncedo ngayo into ethethwa yiBhayibhile.

5. Mthandazele umntu onomdla. Cela uYehova akuncede uhlale unethemba nobuchule bokuthetha. Thandazela ukwazi xa ilixesha lokuyeka ukuya kumntu ongenamdla kangako.​—1 Kor. 9:26.