Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUBUYELA

ISIFUNDO 9

Uvelwano

Uvelwano

Umgaqo: “Vuyani nabantu abavuyayo, nize nilile nabantu abalilayo.”​—Roma 12:15.

Into Eyenziwa NguYesu

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde uMarko 6:30-34. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:

  1.    Kwakutheni ukuze uYesu nabapostile bakhe bafune ukuya “kwindawo engenabantu”?

  2.   Waqhutywa yintoni uYesu ukuba asifundise eso sihlwele?

Sifunda Ntoni KuYesu?

2. Uvelwano lusenza sibakhathalele abantu, singakhathaleli ukubaxelela iindaba ezilungileyo kuphela.

Yenza NjengoYesu

3. Mamela kakuhle. Mvumele umntu athethe indlela aziva ngayo. Sukumphazamisa okanye ukhawuleze ungayihoyi indlela avakalelwa ngayo, izinto ezimkhathazayo okanye xa ephikisa. Xa ummamelisisa, umenza abone ukuba uyikhathalele indlela acinga ngayo.

4. Cinga ngaye lo mntu onomdla. Cinga ngeencoko esenikhe naba nazo, uze uzibuze:

  1.    ‘Kutheni ekudinga ukuva inyaniso?’

  2.   ‘Ukufunda iBhayibhile kungamnceda njani aphile ubomi obubhetele ngoku nakwixesha elizayo?’

5. Mfundise izinto ezinceda yena. Ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka, mbonise indlela isifundo seBhayibhile esinokuyiphendula ngayo imibuzo yakhe nezinto esinokumnceda kuzo.