Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKWENZA ABAFUNDI

ISIFUNDO 11

Ukufundisa Ngendlela Elula

Ukufundisa Ngendlela Elula

Umgaqo: “Ukuba uthetha into engaqondakaliyo, uza kuviwa ngubani?”​—1 Kor. 14:9.

Into Eyenziwa NguYesu

1. Bukela IVIDIYO, okanye ufunde uMateyu 6:25-27. Emva koko cinga iimpendulo zale mibuzo:

  1.    UYesu wayizekelisa ngantoni indlela uYehova asikhathalele ngayo?

  2.   Nangona uYesu wayesazi izinto ezininzi ngeentaka, yintoni elula awakhetha ukuthetha ngayo? Kwakutheni ukuze ibe yindlela entle yokufundisa leyo?

Sifunda Ntoni KuYesu?

2. Xa sifundisa ngendlela elula, abantu baza kuyikhumbula into esibafundisa yona, futhi siza kuzichukumisa iintliziyo zabo.

Yenza NjengoYesu

3. Suthetha kakhulu. Bambelela kule nto isencwadini, ungaloqi yonk’ into le oyaziyo ngale nto nithetha ngayo. Sungxama emva kokuba ubuze umbuzo, mlinde ngomonde umfundi aphendule. Ukuba akayazi impendulo okanye uthetha into ephikisanayo neBhayibhile, sebenzisa eminye imibuzo ukuze umncede acinge ngale nto. Xa sele eyiqondile ingongoma, dlulelani phambili.

4. Nceda umfundi akwazi ukudibanisa imfundiso entsha nasele eyazi. Ngokomzekelo, xa niza kuqalisa isifundo esithetha ngovuko, qalani nikhumbuzane nomfundi ngento asele eyifundile ngemeko yabantu abaswelekileyo.

5. Yisebenzise kakuhle imizekelo. Ngaphambi kokuba wenze umzekelo, zibuze:

  1.    ‘Ngaba ulula lo mzekelo?’

  2.   ‘Ngaba umntu endimfundisayo uza kuwuqonda lula?’

  3.   ‘Ngaba umntu endimfundisayo uza kukwazi ukukhumbula eyona ngongoma, hayi umzekelo kuphela?’