Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIHLOMELO A

Iinyaniso Esithandayo Ukuzifundisa

Iinyaniso Esithandayo Ukuzifundisa

UYesu wathi abantu abanomdla baza kuyazi into eyinyani xa beyiva. (Yoh. 10:4, 27) Nanini ke xa sithetha nabantu, sifuna ukubafundisa izinto ezicacileyo ezithethwa yiBhayibhile. Ungazama ukuyisa eBhayibhileni incoko ngokubuza: “Ubusazi ukuba . . . ?” okanye “Wawukhe weva ukuba . . . ?” Emva koko uyicacise loo nyaniso ngesibhalo okanye ngezibhalo ezihambelana nayo. Ukuxelela umntu inyaniso elula yeBhayibhile kunokutyala imbewu entliziyweni yakhe, futhi uThixo angayikhulisa loo mbewu!​—1 Kor. 3:6, 7.

 IKAMVA

  1. 1. Izinto ezenzekayo nendlela abantu abayiyo zibonisa ukuba sekukufutshane ukuba izinto zitshintshe.​—Mat. 24:3, 7, 8; Luka 21:10, 11; 2 Tim. 3:1-5.

  2. 2. Umhlaba soze utshatyalaliswe.​—INdu. 104:5; INtshu. 1:4.

  3. 3. Umhlaba uza kuyeka ukungcoliseka uze uphinde ube kwimeko entle.​—Isa. 35:1, 2; ISityhi. 11:18.

  4. 4. Wonke umntu uzophila qete.​—Isa. 33:24; 35:5, 6.

  5. 5. Ungaphila ngonaphakade emhlabeni.​—INdu. 37:29; Mat. 5:5.

 INTSAPHO

  1. 6. Umyeni ufanele ‘amthande umfazi wakhe, kanye njengokuba ezithanda.’​—Efe. 5:33; Kol. 3:19.

  2. 7. Umfazi ufanele amhloniphe kakhulu umyeni wakhe.​—Efe. 5:33; Kol. 3:18.

  3. 8. Umyeni ufanele athembeke kumfazi wakhe, nomfazi ufanele athembeke kumyeni wakhe.​—Mal. 2:16; Mat. 19:4-6, 9; Heb. 13:4.

  4. 9. Abantwana ababahloniphayo nababathobelayo abazali babo baza kuphumelela.​—IMize. 1:8, 9; Efe. 6:1-3.

NASA, ESA and the Hubble Heritage Team (STScI/​AURA)-ESA/​Hubble Collaboration. Licensed under CC BY 4.0. Source.

 UTHIXO

  1. 10. UThixo unegama.​—INdu. 83:18; Yer. 10:10.

  2. 11. UThixo uthetha nathi.​—2 Tim. 3:16, 17; 2 Pet. 1:20, 21.

  3. 12. UThixo akanamkhethe.​—Dut. 10:17; IZe. 10:34, 35.

  4. 13. UThixo ufuna ukusinceda.​—INdu. 46:1; 145:18, 19.

 UMTHANDAZO

  1. 14. UThixo ufuna sithandaze kuye.​—INdu. 62:8; 65:2; 1 Pet. 5:7.

  2. 15. IBhayibhile isifundisa indlela yokuthandaza.​—Mat. 6:7-13; Luka 11:1-4.

  3. 16. Kufuneka sithandaze qho.​—Mat. 7:7, 8; 1 Tes. 5:17.

 UYESU

  1. 17. UYesu wayengumfundisi omkhulu futhi amacebiso akhe asasebenza nanamhlanje.​—Mat. 6:14, 15, 34; 7:12.

  2. 18. UYesu wazichaza kwangaphambili izinto ezenzekayo namhlanje.​—Mat. 24:3, 7, 8, 14; Luka 21:10, 11.

  3. 19. UYesu nguNyana kaThixo.​—Mat. 16:16; Yoh. 3:16; 1 Yoh. 4:15.

  4. 20. UYesu akanguye uThixo uSomandla.​—Yoh. 14:28; 1 Kor. 11:3.

Based on NASA/​Visible Earth imagery

 UBUKUMKANI BUKATHIXO

  1. 21. UBukumkani BukaThixo ngurhulumente okhoyo osezulwini.​—Dan. 2:44; 7:13, 14; Mat. 6:9, 10; ISityhi. 11:15.

  2. 22. UBukumkani BukaThixo buza kuthatha indawo yoorhulumente babantu.​—INdu. 2:7-9; Dan. 2:44.

  3. 23. BuBukumkani BukaThixo kuphela obunokulungisa iingxaki zabantu.​—INdu. 37:10, 11; 46:9; Isa. 65:21-23.

 IINTLUNGU

  1. 24. AyingoThixo obangela iintlungu zethu.​—Dut. 32:4; Yak. 1:13.

  2. 25. NguSathana olawula ihlabathi.​—Luka 4:5, 6; 1 Yoh. 5:19.

  3. 26. UThixo uyikhathalele intlungu yakho.​—INdu. 34:17-19; Isa. 41:10, 13.

  4. 27. UThixo sele eza kuziphelisa iintlungu.​—Isa. 65:17; ISityhi. 21:3, 4.

 UKUFA

  1. 28. Abantu abaswelekileyo abaphili; abeva zintlungu.​—INtshu. 9:5; Yoh. 11:11-14.

  2. 29. Abantu abaswelekileyo abanakusinceda okanye basenzakalise.​—INdu. 146:4; INtshu. 9:6, 10.

  3. 30. Abantu esibathandayo abaswelekileyo baza kuvuswa.​—Yobhi 14:13-15; Yoh. 5:28, 29; IZe. 24:15.

  4. 31. ‘Ukufa soze kuphinde kubekho.’​—ISityhi. 21:3, 4; Isa. 25:8.

 UNQULO

  1. 32. Ayizizo zonke iinkonzo azamkelayo uThixo.​—Yer. 7:11; Mat. 7:13, 14, 21-23.

  2. 33. UThixo uyakucaphukela ukuzenzisa.​—Isa. 29:13; Mika 3:11; Marko 7:6-8.

  3. 34. Eyona nkonzo yokwenyani ibonakala ngokuba nothando lokwenene.​—Mika 4:3; Yoh. 13:34, 35.