Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Inkcazelo

Inkcazelo

ABALINDI Umsebenzi wabalindi kukukunceda. Sicela usebenzisane nabo ngokubamamela xa bekuxelela indawo omele upake kuyo, ungene okanye uphume kuyo, nokubekwa kwezitulo nezinye izinto.

UBHAPTIZO Kuza kubekwa izitulo zabo baza kubhaptizwa ngaphambi kweqonga, ukuba kukho utshintsho kuloo nto iza kuchazwa. Abaza kubhaptizwa bafanele bahlale kwindawo elungiselelwe bona ngaphambi kokuba intetho yobhaptizo iqalise kusasa ngoMgqibelo. Umntu ufanele eze netawuli yakhe nempahla efanelekileyo yokungena emanzini.

IMINIKELO Kusetyenziswe imali eninzi ukuze kulungiselelwe iindawo zokuhlala ezaneleyo, isandisi-lizwi, izixhobo zevidiyo, namanye amalungiselelo amaninzi awenza indibano ibe mnandi ize isisondeze kuYehova. Iminikelo yakho yokuzithandela ifak’ isandla ekubhataleni ezi ndleko yaye ixhasa nomsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Ukuze ibe lula kuwe le nto, kuyo yonk’ indawo kuye kwabekwa iibhokisi zeminikelo ezibhalwe ngokucacileyo. Yonke iminikelo ixatyiswa kakhulu. IQumrhu Elilawulayo liyabulela ngokuxhasa kwakho umsebenzi woBukumkani.

UNCEDO LOKUQALA Sicela nikhumbule ukuba olu luncedo lweemeko zongxamiseko kuphela.

IZINTO EZILAHLEKILEYO ZAZA ZAFUNYANWA Zonke izinto ezicholiweyo zifanele zisiwe kwiSebe Lezinto Ezilahlekileyo Zaza Zafunyanwa. Ukuba ulahlekelwe yinto, yiya kweli sebe uyobuzisa ngayo. Abantwana abalahlekene nabazali babo bafanele basiwe kweli sebe. Noko ke, eli sebe aliyondawo yokugcinisa abantwana. Sicela nijonge abantwana benu, nihlale nabo.

IZITULO Sicela ucingele abanye abantu. Khumbula le nto, izitulo zinokugcinelwa kuphela amalungu entsapho yakho naye nabani na osenokuba uhamba nani ngemoto, enihlala kwindlu enye okanye ofunda nawe iBhayibhile. Sicela ungabeki izinto kwizitulo ongazigcinelanga abantu.

INKONZO YAMATSHANTLIZIYO Ukuba unqwenela ukuba litshantliziyo ukuze uncede kumsebenzi wendibano, sicela uye kwiSebe Lenkcazelo nakwiSebe Lamatshantliziyo.

Ilungiselelwe liQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova

© 2024 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania