Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usoloko Ukhangele Emvuzweni?

Ngaba Usoloko Ukhangele Emvuzweni?

Ngaba Usoloko Ukhangele Emvuzweni?

ESI sifo sinwenwa ngokuthe ngcembe. Siqala emacaleni amehlo. Ukuba asinyangwa, singanwenwela phakathi elisweni. Ekugqibeleni, sinokumenza ubani angaboni. Sisiphi esi sifo? Yiglaucoma—isifo esibangela ubumfama kwabona bantu baninzi.

Kanye njengoko amehlo ethu asenokuba norhatyazo ngokuthe ngcembe, sisenokuphulukana nolona hlobo luxabisekileyo lokubona—ukubona ngokomoya. Ngoko ke, kubalulekile ukuba izinto zokomoya sizibeke kwindawo yokuqala ebomini bethu.

Ukusoloko Sikhangele Emvuzweni

Phakathi ‘kwezinto ezingabonwayo’ ngamehlo ethu okoqobo ngumvuzo ozukileyo wobomi obungunaphakade, uYehova awunika abo banyanisekileyo kuye. (2 Korinte 4:18) Kakade ke, isizathu esiyintloko sokuba amaKristu akhonze uThixo kungokuba ayamthanda. (Mateyu 22:37) Sekunjalo, uYehova ufuna sijonge phambili ekufumaneni owethu umvuzo. Ufuna simjonge njengoBawo onesisa ‘ongumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.’ (Hebhere 11:6) Ngoko ke, abo bamazi ngokwenene uThixo nabamthandayo bayazixabisa iintsikelelo zakhe azithembisileyo yaye bajonge phambili ekuzalisekeni kwazo.—Roma 8:19, 24, 25.

Abafundi abaninzi beli phephancwadi neqabane lalo, uVukani!, bayayithanda imizobo ebonisa umhlaba ozayo oyiParadesi. Kakade ke, asazi ngokuthe ngqo ukuba iParadesi iya kuba njani, yaye imizobo esiyibonayo luluvo nje lomzobi olusekelwe kwiindinyana zeBhayibhile ezinjengoIsaya 11:6-9. Sekunjalo, elinye ibhinqa elingumKristu lathi: “Xa ndibona imifanekiso yeParadesi ezayo kwiMboniselo noVukani!, ndiye ndiyihlolisise ngenyameko, kanye njengokuba ubani ebeya kwenjenjalo ngencwadana ebonisa iindawo ubani anokuzityelela. Ndiye ndizibone ndilapho kuba ngokwenene ndinethemba lokuba lapho ngexesha likaThixo elifanelekileyo.”

Umpostile uPawulos wayevakalelwa ngendlela efanayo ‘ngobizo lwakhe lwaphezulu.’ Wayengazigqali njengosele elufumene, kuba kwakufuneka azingqine ethembekile de kube sekupheleni. Kodwa waqhubeka ‘esolulela kwizinto ezingaphambili.’ (Filipi 3:13, 14) Ngokufanayo, uYesu wanyamezela ukufa kumthi wentuthumbo “ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe.”—Hebhere 12:2.

Ngaba wakha wathandabuza enoba uza kungena kwihlabathi elitsha? Kuhle ukungazithembi ngokugqithiseleyo, ekubeni ukufumana kwethu umvuzo wobomi kuxhomekeke ekubeni sihlale sithembekile de kube sekupheleni. (Mateyu 24:13) Noko ke, ukuba siyazibhokoxa ekufikeleleni imilinganiselo kaThixo, sifanele sibe nentembelo yokufumana umvuzo. Khumbula ukuba uYehova “akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Ukuba sithembele kuYehova, uya kusinceda sifikelele usukelo lwethu. Eneneni, akanakuze afune izizathu zokubenza bangafaneleki abo bafuna ukumkholisa ngokunyanisekileyo.—INdumiso 103:8-11; 130:3, 4; Hezekile 18:32.

Ukwazi indlela uYehova avakalelwa ngayo ngabantu bakhe kusinika ithemba—uphawu olubaluleke ngokufanayo nokholo. (1 Korinte 13:13) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ithemba” eBhayibhileni lidlulisela ingcamango “yokulindela okulungileyo” ngolangazelelo. Ecinga ngethemba elinjalo, umpostile uPawulos wabhala: “Sinqwenela ukuba ngamnye wenu akhuthale ngokufanayo khon’ ukuze nibe nokuqiniseka ngokupheleleyo ngethemba lenu kude kuse ekupheleni, ukuze ningadangali, kodwa nibe ngabaxelisa abo bathi ngokholo nomonde bazidle ilifa izithembiso.” (Hebhere 6:11, 12) Phawula ukuba, xa sikhonza uYehova ngokuthembeka, sinokuqiniseka ngethemba lethu. Ngokungafaniyo nezithembiso ezininzi zehlabathi, eli themba “alidanisi.” (Roma 5:5) Ngoko ke sinokuligcina njani ithemba lethu liqaqambile ezingqondweni?

Indlela Yokuphucula Ingqalelo Yethu Yokomoya

Amehlo ethu okwenyama akanakukhangela kwizinto ezimbini ngaxeshanye. Kunjalo nangeliso lethu lokomoya. Ukukhangela kwizinto zale nkqubo ngokuqinisekileyo kuya kwenza ukuba singakhangeli ngokupheleleyo kwihlabathi elitsha uThixo alithembisileyo. Ekuhambeni kwexesha, sisenokulibona luzizi size ekugqibeleni singaliboni kwaphela. Hayi indlela ekuya kuba yintlekele ngayo oko! (Luka 21:34) Ngoko ke, kubaluleke ngokwenene ukuba, sihlale ‘sineliso elingenakumbi’—elo lisoloko likhangele kuBukumkani bukaThixo nakumvuzo wobomi obungunaphakade!—Mateyu 6:22.

Akulula ukuhlala sineliso elingenakumbi. Iingxaki zemihla ngemihla zifuna sinikele ingqalelo, yaye kusenokubakho iziphazamiso kwanezilingo. Kwezi meko, sinokuhlala njani sinikele ingqalelo kuBukumkani nakwihlabathi elitsha uThixo alithembisileyo ngaphandle kokutyeshela eminye imisebenzi ebalulekileyo? Makhe siqwalasele iindlela ezintathu.

Fundisisa iLizwi likaThixo imihla ngemihla. Ukufunda iBhayibhile rhoqo nokufundisisa iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni kusinceda sigcine iingqondo zethu kwizinto zokomoya. Enyanisweni, sisenokuba besifundisisa iLizwi likaThixo kangangeminyaka, kodwa simele siqhubeke silifundisisa, kanye njengokuba kufuneka siqhubeke sisitya ukuze siphile. Asiyeki ukutya kuba nje sele kukudala sisitya. Ngoko ke kungakhathaliseki ukuba siyiqhele kangakanani na iBhayibhile, sifanele siqhubeke sizondla rhoqo ngokomoya ukuze ithemba lethu lihlale liqaqambile yaye ukholo nothando lwethu lomelele.—INdumiso 1:1-3.

Camngca ngoxabiso ngeLizwi likaThixo. Kutheni kubalulekile ukucamngca? Kungenxa yezizathu ezibini. Okokuqala, ukucamngca kusenza sikubethelele engqondweni oko sikufundayo size sihlakulele uxabiso olunzulu ngako. Okwesibini, ukucamngca kusenza singamlibali uYehova, imisebenzi yakhe emangalisayo nento asithembise yona. Ngokomzekelo: AmaSirayeli aphuma eYiputa kunye noMoses azibonela ngokwawo amandla kaYehova amakhulu. Kwakhona ayibona indlela awawakhusela ngayo ngothando njengoko wayewakhokelela kwilifa lawo. Sekunjalo, kungekudala amaSirayeli efikile entlango ngoxa ayesiya kwiLizwe Lesithembiso aqalisa ukukhalaza, ebonakalisa ukungabi nalukholo ngokunzulu. (INdumiso 78:11-17) Yayiyintoni ingxaki yawo?

Abantu bayeka ukukhangela kuYehova nakwizinto ezimangalisayo awayebathembise zona kunoko banikela ingqalelo kubomi obutofo-tofo nakwizinto zokwenyama. Phezu kwayo nje imiqondiso engummangaliso ayibonayo, amaSirayeli amaninzi aqalisa ukukhalaza ngendlela ebonisa ukungabi nalukholo. INdumiso 106:13 ithi: “Ayilibala ngokukhawuleza imisebenzi [kaYehova].” Ukungakhathali okunjalo okungenakuthetheleleka kwenza eso sizukulwana asangena kwiLizwe Lesithembiso.

Ngenxa yoko, xa ufunda iZibhalo okanye iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni, ziphe ixesha lokucamngca ngoko ukufundayo. Oko kubalulekile kwimpilo nasekukhuleni kwakho ngokomoya. Ngokomzekelo, xa ufunda INdumiso 106, ekucatshulwe inxalenye yayo ngasentla, camngca ngeempawu zikaYehova. Qwalasela indlela awayenomonde nenceba ngayo kumaSirayeli. Jonga indlela awenza ngayo konke okusemandleni akhe ukuwanceda angene kwiLizwe Lesithembiso. Phawula indlela aqhubeka emvukela ngayo. Cinga ngendlela awayenxunguphele nawayebuhlungu ngayo uYehova njengoko aba bantu babengabonakalisi xabiso ngenceba nangomonde awayenawo. Ngaphezu koko, ngokucamngca ngendinyana yama-30 neyama-31, ezichaza ngendlela uFinehasi awabumela ngayo ubulungisa ngokuqinileyo nangenkalipho, sinokuqiniseka ukuba uYehova akabalibali abanyanisekileyo kuye yaye ubavuza kakhulu.

Sebenzisa imigaqo yeBhayibhile ebomini bakho. Njengoko silandela imigaqo yeBhayibhile, siyazibonela ukuba isiluleko sikaYehova siyasebenza. IMizekeliso 3:5, 6 ithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” Cinga ngendlela ukuziphatha okubi kwabantu abaninzi ekuye kwabangela ngayo iingxaki ezingokwasengqondweni, iimvakalelo nasemizimbeni yabo. Ngenxa yokuzifica kulonwabo lokomzuzwana, abantu abanjalo baye babandezeleke kangangeminyaka—kwanobomi babo bonke. Ngokwahlukileyo koko, abo bahamba ‘kwindlela emxinwa’ bangcamla kwangaphambili ubomi kwinkqubo entsha, yaye oku kuyabakhuthaza ukuba baqhubeke besendleleni esa ebomini.—Mateyu 7:13, 14; INdumiso 34:8.

Ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kusenokuba lucelomngeni. Maxa wambi, isicombululo esingesosaZibhalo sisenokubonakala sinokuzisa isiqabu ngokukhawuleza kwimeko elingayo. Ngokomzekelo, ebudeni bexesha lokuba neengxaki zemali, usenokufuna ukubeka izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yesibini. Noko ke, abo babonakalisa ukholo baze bahlale benikela ingqalelo kwizinto zokomoya baqinisekiswa ukuba ekugqibileni “kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo oyinyaniso.” (INtshumayeli 8:12) Maxa wambi kusenokufuneka umKristu asebenze ixesha elongezelelekileyo, kodwa akamele abe njengoEsawu, owacekisa izinto zokomoya, ezigqala njengezingabalulekanga.—Genesis 25:34; Hebhere 12:16.

UYesu wazichaza ngokucacileyo iimbopheleleko zethu njengamaKristu. Sifanele ‘siqhubeke sifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bukaThixo.’ (Mateyu 6:33) Ukuba senjenjalo, uYehova uya kubonakalisa uthando lukabawo kuthi ngokuqinisekisa ukuba sinezinto eziphathekayo eziyimfuneko. Ngokuqinisekileyo akafuni sizithwalise uxanduva ngokuxhalela izinto athi unokusinika zona. Ukuzixhalabisa okungeyomfuneko okunjalo kunokufana neglaucoma yokomoya—ukuba ayinyangwa, ngokuthe ngcembe inokusenza sibone luzizi, sibone kuphela izinto eziphathekayo nto leyo enokusenza sibe ziimfama ngokupheleleyo ngokomoya. Ukuba sihlala sikuloo meko, imini kaYehova iya kusifikela “njengomgibe.” Oko kuya kuba yintlekele ngokwenene!—Luka 21:34-36.

Hlala Uphaphile NjengoYoshuwa

Masihlale sikhangele phambili kwithemba lethu elizukileyo loBukumkani, sibeke ezinye iimbopheleleko kwindawo yazo. Ngokuqhubeka sifundisisa, sicamngca yaye sisebenzisa imigaqo yeBhayibhile, sinokuhlala sinentembelo kwithemba lethu njengoko wenzayo uYoshuwa. Emva kokuba ekhokelele amaSirayeli kwiLizwe Lesithembiso, wathi: “Niyazi kakuhle ngeentliziyo zenu zonke nangemiphefumlo yenu yonke ukuba akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni. Onke abe yinyaniso kuni. Akusilelanga nalinye ilizwi kuwo.”—Yoshuwa 23:14.

Ngamana ithemba loBukumkani lingakomeleza, lize likwenze wonwabe njengoko ulibonakalisa kwiingcamango, iimvakalelo, izigqibo nakwizinto ozenzayo.—IMizekeliso 15:15; Roma 12:12.

[Umfanekiso okwiphepha 21]

Ngaba wakha wathandabuza enoba uza kungena kwihlabathi elitsha?

[Umfanekiso okwiphepha 22]

Ukucamngca kuyinxalenye ebalulekileyo yokufundisisa iBhayibhile

[Imifanekiso ekwiphepha 23]

Hlala unikele ingqalelo kwizilangazelelo zoBukumkani