Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imimangaliso KaYesu—Unokufunda Ntoni Kuyo?

Imimangaliso KaYesu—Unokufunda Ntoni Kuyo?

Imimangaliso KaYesu—Unokufunda Ntoni Kuyo?

UNOKUMANGALISWA kukufumanisa ukuba kwiingxelo zeBhayibhile zobomi bukaYesu emhlabeni alizange lisetyenziswe igama lesiGrike elithetha “ummangaliso.” Igama lesiGrike elithi (dyʹna·mis) maxa wambi eliguqulelwa ngokuthi “ummangaliso” lithetha “amandla.” (Luka 8:46) Kwakhona linokuguqulelwa ngokuthi ‘imisebenzi yamandla.’ (Mateyu 11:20; 25:15) Ngokutsho komnye umphengululi, eli binzana lesiGrike “ligxininisa umsebenzi wamandla oye wenziwa, yaye ingakumbi amandla oye wenziwa ngawo. Esi siganeko sichazwa njengamandla kaThixo asebenzayo.”

Elinye ibinzana lesiGrike elithi (teʹras) lidla ngokuthetha “umhlola” okanye “ummangaliso.” (Yohane 4:48; IZenzo 2:19) Eli binzana libalaselisa umphumo obakho kwabo babukeleyo. Ngokuqhelekileyo, isihlwele nabafundi babemangaliswa baze bothuswe yimisebenzi kaYesu yamandla.—Marko 2:12; 4:41; 6:51; Luka 9:43.

Igama lesithathu lesiGrike elithi (se·meiʹon) elibhekisela kwimimangaliso eyenziwa nguYesu lithetha “umqondiso.” Umphengululi uRobert Deffinbaugh uthi “linentsingiselo enzulu yommangaliso.” Uhlabela mgama esithi: “Umqondiso ngummangaliso obonisa inyaniso ngeNkosi yethu uYesu.”

Ngaba Ngumbono Nje Okanye Ngamandla KaThixo?

IBhayibhile ayichazi imimangaliso kaYesu njengamaqhinga okanye imibono nje enzelwe ukonwabisa abantu. Yayibonisa “amandla obungangamsha kaThixo,” njengakwimeko yenkwenkwana uYesu awakhupha kuyo idemon. (Luka 9:37-43) Ngaba imisebenzi yamandla elolo hlobo akanakukwazi ukuyenza uThixo uSomandla—Yena ekuthiwa ‘unamandla amakhulu’? (Isaya 40:26) Akunjalo!

Iingxelo zeVangeli zithetha ngemimangaliso eyenziwa nguYesu enokuba ngama-35. Kodwa alichazwanga inani layo yonke imimangaliso awayenzayo. Ngokomzekelo, uMateyu 14:14 uthi: “[UYesu] wabona isihlwele esikhulu; wasisizela, waza waphilisa abagulayo kuso.” Asixelelwanga ukuba bangaphi abantu abagulayo awabaphilisayo ngeso sihlandlo.

Imisebenzi enjalo yamandla yayibalulekile ekubeni uYesu wayesithi unguNyana kaThixo, uMesiya othenjisiweyo. Ngokwenene iZibhalo zabonisa ukuba uYesu wancedwa ngamandla awayewanikwe nguThixo ukuze akwazi ukwenza imimangaliso. Umpostile uPetros wabhekisela kuYesu ‘njengendoda ekwaboniswa ngayo esidlangalaleni nguThixo kuni ngemisebenzi yamandla nemihlola nemiqondiso uThixo awayenzayo ngayo phakathi kwenu, kanye njengoko nani nisazi.’ (IZenzo 2:22) Ngesinye isihlandlo, uPetros wabonisa ukuba ‘uThixo wamthambisa uYesu ngomoya oyingcwele namandla, yaye walityhutyha ilizwe esenza okulungileyo kwaye ephilisa bonke abo bacinezelwe nguMtyholi; ngenxa yokuba uThixo wayenaye.’—IZenzo 10:37, 38.

Le mimangaliso kaYesu yayibaluleke kakhulu kwimfundiso yakhe. UMarko 1:21-27 utyhila indlela isihlwele esasabela ngayo kwimfundiso kaYesu nakweminye yemimangaliso awayenzayo. UMarko 1:22 uthi izihlwele zathi “khamnqa yindlela yakhe yokufundisa,” yaye indinyana 27 ibonisa ukuba abantu “bakhwankqiswa” xa wagxotha idemon. Imisebenzi kaYesu yamandla nesigidimi sakhe zazibonisa ukuba wayenguMesiya othenjisiweyo.

UYesu akazange athi unguMesiya nje; ngamazwi akhe neminye imisebenzi, amandla awayewanikwe nguThixo awayewabonisa kwimimangaliso yakhe ayengqina ngokwaneleyo ukuba wayenguMesiya. Xa wabuzwa ngendima yakhe nangegunya awayenalo, ngenkalipho uYesu waphendula wathi: “Ndinobungqina obukhulu ngakumbi kunobo bukaYohane [umBhaptizi], kuba yona kanye imisebenzi uBawo andabele ukuba ndiyifeze, misebenzi leyo ngokwayo endiyenzayo, inikela ubungqina ngam bokuba uBawo undithumile.”—Yohane 5:36.

Ubungqina Bokuba Yenzeka

Kutheni sinokuqiniseka ukuba imimangaliso ekuthiwa yenziwa nguYesu yenzeka? Makhe siqwalasele obunye bobungqina bokuba yenzeka.

Xa wayesenza imisebenzi yamandla, uYesu akazange atsalele ingqalelo kuye. Wayeqiniseka ukuba ngawo nawuphi na ummangaliso awenzayo kudunyiswa kuze kuzukiswe uThixo. Ngokomzekelo, ngaphambi kokuba aphilise indoda eyimfama, uYesu wagxininisa ukuba lo mntu wayeza kuphiliswa “ukuze ibonakaliswe kuye imisebenzi kaThixo.”—Yohane 9:1-3; 11:1-4.

Ngokungafaniyo nabenzi bemimangaliso, bemilingo nabaphilisi, uYesu akazange alalise abantu ngemilingo, asebenzise amaqhinga, izinto ezitsala amehlo, ubugqi okanye umsitho othile. Akazange asebenzise iinkolelo okanye izinto ekuthiwa ziingcwele. Phawula indlela uYesu awayethozame ngayo xa wayephilisa amadoda amabini aziimfama. Le ngxelo ithi: “UYesu wachukumisa amehlo abo, yaye ngoko nangoko babona, baza bamlandela.” (Mateyu 20:29-34) Akazange enze umsitho okanye isithethe esitsala amehlo. UYesu wenza imimangaliso phambi kwabantu, wayedla ngokuyenza phambi kwamangqina amaninzi. Akazange asebenzise iindlela ezikhethekileyo zokukhanyisa iqonga lalapho wayesenzela khona le mimangaliso. Ngokwahlukileyo koko, abantu abenza imimangaliso bale mihla abadli ngokuba nabungqina.—Marko 5:24-29; Luka 7:11-15.

Maxa wambi uYesu wayelubona ukholo lwabo babencedwa yimimangaliso yakhe. Kodwa ukungabi nalukholo komntu kwakungamthinteli uYesu ekwenzeni ummangaliso. Ngoxa wayeseKapernahum eGalili, “kwaziswa kuye abantu abaninzi abaneedemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, waza wabaphilisa bonke ababephatheke kakubi.”—Mateyu 8:16.

UYesu wayesenza imimangaliso ukuze anelise iintswelo zokwenyama zabantu, kungekhona ukwanelisa umdla womntu ofuna ukwazi. (Marko 10:46-52; Luka 23:8) Yaye uYesu akazange enze imimangaliso ukuze azuze okuthile nangayiphi na indlela.—Mateyu 4:2-4; 10:8.

Kuthekani Ngeengxelo ZeVangeli?

Imimangaliso kaYesu siye sayityhilelwa kwiiVangeli ezine. Ngaba zikho izizathu zokuzithemba ezi ngxelo njengoko sihlolisisa ubunyani bemimangaliso kaYesu? Ewe, zikho.

Njengoko sele sibonile, imimangaliso kaYesu yayisenziwa phambi kwabantu, ngaphambi kwamangqina amaninzi. Iincwadi zeVangeli zokuqala zabhalwa ngexesha laxa inkoliso yabo bantu yayingamangqina okuzibonela babesaphila. Ngokuphathelele ukunyaniseka kwabantu ababhala iincwadi zeVangeli, incwadi ethi The Miracles and the Resurrection ithi: “Bekuya kuba kokungekho sikweni ukutyhola ababhali beencwadi zevangeli ngokuguqula izinto ezenzekayo ngokuthi yimimangaliso kuba bekhuthaza unqulo. . . . Injongo yabo yayikukuba ngababhali abanyanisekileyo.”

AmaYuda awayechase ubuKristu akazange ayithandabuze imisebenzi yamandla echazwe kwiincwadi zeVangeli. Kuphela ayethandabuza amandla eyayisenziwa ngawo le mimangaliso. (Marko 3:22-26) Yaye abagxeki bamva babengayi kukwazi ukuyiphika imimangaliso eyenziwa nguYesu. Ngokwahlukileyo koko, ebudeni benkulungwane yokuqala neyesibini kwiXesha Eliqhelekileyo, kukho ubungqina obungokwembali bemimangaliso eyenziwa nguYesu. Kucacile ukuba, sinesizathu esivakalayo sokuthi iingxelo zeencwadi zeVangeli zaziyinyaniso.

Indoda Eyenza Imimangaliso

Bekungayi kwanela ukuthetha nje ngobunyani bemimangaliso kaYesu xa siyihlolisisa. Zichaza imisebenzi kaYesu enamandla, iincwadi zeVangeli zithetha ngendoda enovelwano nenemfesane enkulu, nenomdla kakhulu kwintlalo-ntle yabantu.

Cinga ngemeko yomntu owayeneqhenqa owaya kuYesu embongoza esithi: “Ukuba nje uyathanda, unako ukundenza ndihlambuluke.” UYesu ‘enosizi,’ wolula isandla sakhe waza wachukumisa lowo uneqhenqa, wathi: “Ndiyathanda. Hlambuluka.” Le ndoda yaphila ngoko nangoko. (Marko 1:40-42) Ngoko ke uYesu wabonakalisa uvelwano olwamenza wasebenzisa amandla awayewanikwe nguThixo okwenza imimangaliso.

Kwenzeka ntoni xa uYesu wadibana nabantu besiya emangcwabeni bevela kwisixeko saseNayin? Lo mfana ufileyo yayikuphela konyana womhlolokazi othile. Kuba ‘enosizi’ ngeli bhinqa, uYesu waya kulo waza wathi: “Musa ukulila.” Waza wamvusa unyana walo.—Luka 7:11-15.

Isifundo esithuthuzelayo esinokubonwa kwimimangaliso eyenziwa nguYesu sikukuba wayesiba “nosizi” yaye wayesenza izinto ukuze ancede abantu. Kodwa imimangaliso enjalo yayingeyombali nje kuphela. AmaHebhere 13:8 athi: “UYesu Kristu ukwanguye izolo nanamhlanje, nangonaphakade.” Ngoku ulawula njengoKumkani wasemazulwini, ukulungele yaye uyakwazi ukusebenzisa amandla awanikwe nguThixo nangakumbi kunaxa wayengumntu emhlabeni. Kungekudala, uYesu uza kuwasebenzisa ekuphiliseni uluntu oluthobelayo. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda ufunde ngakumbi ngeli themba lihle ngekamva.

[Imifanekiso ekwiphepha 4, 5]

Imimangaliso kaYesu yayibonisa “amandla obungangamsha kaThixo”

[Umfanekiso okwiphepha 7]

UYesu wayeyindoda enovelwano