Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ummiselo KaYehova” Awunakusilela

“Ummiselo KaYehova” Awunakusilela

“Ummiselo KaYehova” Awunakusilela

“Mandibhekisele kummiselo kaYehova; uthe kum: ‘Ungunyana wam . . . Cela kum, ukuba ndikunike iintlanga njengelifa lakho.’”—INDUMISO 2:7, 8.

1. Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kwenjongo kaThixo naleyo yeentlanga?

 UYEHOVA UTHIXO unenjongo ngabantu nomhlaba. Oku kunjalo nangeentlanga. Kodwa hayi indlela ezi njongo ezahluke ngayo! Sifanele sikulindele oku, kuba uThixo uthi: “Njengoko amazulu ephakamile kunomhlaba, ngokunjalo neendlela zam ziphakamile kuneendlela zenu, neengcamango zam kuneengcamango zenu.” Ngokuqinisekileyo iinjongo zikaThixo ziya kuzaliseka ngokuba uhlabela mgama esithi: “Njengokuba kusihla imvula nekhephu emazulwini, yaye zingabuyeli kuwo zingawunyakamisanga umhlaba, ziwenze uvelise kwaye uhlume, umnike imbewu umhlwayeli, umnike nesonka odlayo, ngoko ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam liya kuba njalo. Aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, kodwa ngokuqinisekileyo liya kukwenza oko ndiyoliswa kuko, likuphumelelise ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.”—Isaya 55:9-11.

2, 3. Yintoni ecaciswayo kwindumiso yesibini, kodwa kubuzwa yiphi imibuzo?

2 Kwindumiso yesibini kwenziwa kucace ukuba injongo kaThixo ngokuphathelele uKumkani onguMesiya iya kuzaliseka. Umqambi wayo, uKumkani uDavide wakwaSirayeli wamandulo, waphefumlelwa nguThixo ukuba axele kusengaphambili ukuba kuya kubakho ixesha xa iintlanga ziya kwenza uqhushululu. Abalawuli bazo baya kuchasa uYehova uThixo noMthanjiswa wakhe. Noko ke, umdumisi waphinda wavuma ingoma esithi: “Mandibhekisele kummiselo kaYehova; uthe kum: ‘Ungunyana wam . . . Cela kum, ukuba ndikunike iintlanga njengelifa lakho neziphelo zomhlaba njengelifa lakho.’”—INdumiso 2:7, 8.

3 “Ummiselo kaYehova” uzichaphazela njani iintlanga? Ubachaphazela njani abantu ngokubanzi? Enyanisweni, ezi zinto zenzekayo zibachaphazela njani abafundi bendumiso yesibini abahlonel’ uThixo?

Iintlanga Zenza Uqhushululu

4. Ubuya kuzishwankathela njani iingongoma eziziintloko zeNdumiso 2:1, 2?

4 Ebhekisela koko kwakusenziwa ziintlanga nabalawuli bazo, umdumisi uqala ingoma yakhe ngokuthi: “Kutheni iintlanga zisenza uqhushululu namaqela eentlanga eqhubeka edumzela into engento? Ookumkani bomhlaba basuke bema namagosa aphakamileyo abuthene ndawonye njengamntu mnye nxamnye noYehova nomthanjiswa wakhe.”—INdumiso 2:1, 2. a

5, 6. Amaqela eentlanga ‘ebeqhubeka edumzela’ ntoni ‘engento’?

5 Yintoni le ‘ingento’ iintlanga zanamhlanje ‘eziyidumzelayo’? Kunokumamkela uMthanjiswa kaThixo—uMesiya, okanye uKristu—iintlanga ziye ‘zadumzela,’ okanye zacinga ngendlela yokuqinisa igunya lazo. La mazwi endumiso yesibini ayesebenza nakwinkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo xa amagosa amaYuda nawamaRoma asebenzisana ukuze ambulale uKumkani Omiselwe nguThixo, uYesu Kristu. Noko ke, inzaliseko enkulu yaqala ngowe-1914 xa uYesu wamiswa njengoKumkani wasezulwini. Ukususela ngoko, akukho nalinye igunya lezobupolitika emhlabeni eliye lamamkela lo Kumkani omiselwe nguThixo.

6 Wayethetha ukuthini umdumisi xa wabuza esithi ‘kutheni amaqela eentlanga edumzela into engento’? Yinjongo yawo engento; ililize yaye soze iphumelele. Akakwazi ukuzisa uxolo nemvisiswano kulo mhlaba. Sekunjalo, izenzo zawo zibonisa ukuba aluchasile ulawulo lukaThixo. Enyanisweni, aye amanyana yaye abuthana njengamntu mnye ekuchaseni Oyena Uphakamileyo noMthanjiswa wakhe. Obunjani bona ubudenge!

Ukumkani KaYehova Oliqhawe

7. Emthandazweni, abalandeli bakaYesu bokuqala bayisebenzisa njani INdumiso 2:1, 2?

7 Abalandeli bakaYesu bawabhekisela kuye la mazwi eNdumiso 2:1, 2. Betshutshiswa ngenxa yokholo lwabo, bathandaza besithi: “Nkosi enguMongami [Yehova], unguLowo walenzayo izulu nomhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezikuzo, nalowo ngomoya oyingcwele wathi ngomlomo wokhokho wethu uDavide, umkhonzi wakho, ‘Kwakutheni ukuze iintlanga zenze uqhushululu nezizwana zicamngce izinto ezilambathayo? Ookumkani bomhlaba besuka bema nabalawuli babuthana ndawonye njengamntu mnye nxamnye noYehova nomthanjiswa wakhe.’ Kananjalo, uHerode [Antipas] noPontiyo Pilato kunye nabantu beentlanga kunye nezizwana zakwaSirayeli ngokwenene babehlanganisene ndawonye kwesi sixeko nxamnye nomkhonzi wakho ongcwele uYesu, lowo wamthambisayo.” (IZenzo 4:24-27; Luka 23:1-12) b Ewe, kwinkulungwane yokuqala kwenziwa iyelenqe elalichasene nomkhonzi kaThixo othanjisiweyo uYesu. Noko ke, le ndumiso yayiza kuphinda izaliseke kwiinkulungwane ezizayo.

8. INdumiso 2:3 isebenza njani kwiintlanga zanamhlanje?

8 Xa uSirayeli wamandulo wayenokumkani ongumntu, njengoDavide, iintlanga ezazingabahedeni nabalawuli bahlanganisana ukuze bachase uThixo nomthanjiswa wakhe owayengukumkani. Kodwa kuthekani ngexesha lethu? Iintlanga zanamhlanje azizimiselanga ukuvumelana neemfuno zikaYehova noMesiya. Ngoko ke, kuthethwa ngazo njengezithi: “Masiziqhawule izibopho zabo sizilahlele kude nathi iintambo zabo!” (INdumiso 2:3) Nayiphi na imiqathango ebekwa nguThixo nanguMthanjiswa wakhe iyachaswa ngabalawuli naziintlanga. Phofu ke, nayiphi na imizamo yokuqhawula ezi zibopho nokuzilahlela kude ayisoze iphumelele.

UYehova Uyabahleka

9, 10. Kutheni uYehova ezigculela iintlanga?

9 UYehova akakhathazeki yimizamo yabalawuli beentlanga yokuzama ukumisela ulawulo lwabo. Indumiso yesibini ihlabela mgama ize ithi: “Lowo kanye uhleli emazulwini uya kuhleka; uYehova uya kubagculela.” (INdumiso 2:4) UThixo uqhubela phambili nenjongo yakhe ngokungathi aba balawuli abakho. Uyakuhleka ukuqaqadeka kwabo yaye uyabagculela. Bangaqhayisa ngento abaceba ukuyenza. KuYehova bayinto nje yokuhlekisa. Uyakuhleka ukuchasa kwabo okulilize.

10 Kwenye indawo kwiindumiso, uDavide ubhekisela kubantu abaziintshaba nakwiintlanga aze avume ingoma esithi: “Wena Yehova Thixo wemikhosi, unguThixo kaSirayeli. Vuka ukuze uphethulele ingqalelo yakho kuzo zonke iintlanga. Musa ukubababala nabaphi na abangcatshi abenzakalisayo. Bayaqhubeka bebuya ngokuhlwa; baqhubeka bekhonkotha njengenja baze bajikeleze isixeko. Khangela! Bayampompoza ngomlomo wabo; emilebeni yabo kukho amakrele, kuba ngubani na ophulaphuleyo? Kodwa wena, Yehova, uya kubahleka; uya kuzigculela zonke iintlanga.” (INdumiso 59:5-8) UYehova uyakuhleka ukuqhayisa nokudideka kweentlanga kwikhondo lazo lobudenge lokumchasa.

11. Kwenzeka ntoni xa iintlanga zizama ukuchasa injongo kaThixo?

11 Amazwi eNdumiso 2 ayasiqinisekisa ukuba uThixo unokujamelana nazo naziphi na iingxaki. Sinokuqiniseka ukuba ngamaxesha onke uyakuphumeza ukuthanda kwakhe yaye akaze abalahle abakhonzi bakhe abanyanisekileyo. (INdumiso 94:14) Ngoko ke, kuthekani xa iintlanga zizama ukulwa nenjongo kaYehova? Ngokutsho kwale ndumiso, uThixo “uya kuthetha nabo enomsindo,” ngokungathi kungesandi esikhulu sendudumo. Ngaphezu koko, “evutha kukungakholiswa,” ngokungathi kukugqekreza kombane, “uya kubaphazamisa.”—INdumiso 2:5.

Ukumkani KaThixo Uyamiselwa

12. INdumiso 2:6 ibhekisela kukuphi ukumiselwa?

12 Emva koku uYehova ngomdumisi uthetha into ngokuqinisekileyo ezicaphukisayo iintlanga. UThixo uthi: “Mna, ndimmisile ukumkani wam eZiyon, intaba yam engcwele.” (INdumiso 2:6) INtaba yeZiyon yayiyinduli yaseYerusalem, apho uDavide wamiselwa khona njengokumkani kuSirayeli ephela. Kodwa uKumkani onguMesiya akayi kuhlala kwitrone ekweso sixeko okanye kwenye indawo emhlabeni. Enyanisweni, uYehova sele emisele uYesu Kristu njengoKumkani wakhe onguMesiya onyuliweyo kwiNtaba yaseZiyon yasezulwini.ISityhilelo 14:1.

13. Nguwuphi umnqophiso uYehova awenze noNyana wakhe?

13 UKumkani onguMesiya ngoku uyathetha. Uthi: “Mandibhekisele kummiselo kaYehova [owenze umnqophiso woBukumkani noNyana wakhe]; [uYehova uThixo] uthe kum: ‘Ungunyana wam; mna, namhlanje, ndibe nguyihlo.’” (INdumiso 2:7) UKristu uye wabhekisela kumnqophiso woBukumkani xa waxelela abapostile bakhe esithi: “Nina niye nanamathela kum ezilingweni zam; yaye ndenza umnqophiso nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso nam, wobukumkani.”—Luka 22:28, 29.

14. Kutheni kunokuthiwa uYesu unobukhosi obungenakuhluthwa mntu?

14 Njengoko kwaprofetwa kwiNdumiso 2:7, uYehova wamvakalisa uYesu enguNyana Wakhe ekubhaptizweni kwakhe nangokumvusela kubomi bokomoya. (Marko 1:9-11; Roma 1:4; Hebhere 1:5; 5:5) Ewe, uKumkani woBukumkani basezulwini nguNyana kaThixo ekuphela kwamzeleyo. (Yohane 3:16) Njengenzala yomnombo yobukhosi bukaKumkani uDavide, uYesu unobukhosi obungenakuhluthwa mntu. (2 Samuweli 7:4-17; Mateyu 1:6, 16) Ngokutsho kwale ndumiso, uThixo uxelela uNyana wakhe esithi: “Cela kum, ukuba ndikunike iintlanga njengelifa lakho neziphelo zomhlaba njengelifa lakho.”—INdumiso 2:8.

15. Kutheni uYesu ecela iintlanga ukuba zibe lilifa lakhe?

15 UKumkani—uNyana kaThixo—ukwisikhundla esisesona sisondele kuYehova. UYehova wamlinga uYesu waza wamfumanisa enyanisekile yaye enokuthenjwa. Ngaphezu koko, uYesu unelifa lokuba nguNyana kaThixo Olizibulo. Enyanisweni, uYesu Kristu “ungumfanekiso kaThixo ongabonakaliyo, izibulo kwindalo yonke.” (Kolose 1:15) Ekuphela kwento afanele nje ayenze kukucela kuThixo ‘amnike iintlanga njengelifa lakhe neziphelo zomhlaba njengelifa lakhe.’ UYesu ukucela oku njengalowo ‘izinto azithandayo zikoonyana babantu’ nalowo unomnqweno wokuphumeza ukuthanda kukaYise osezulwini ngokuphathelele umhlaba nabantu.—IMizekeliso 8:30, 31.

Ummiselo KaYehova Ngokuchasene Neentlanga

16, 17. Ngokutsho kweNdumiso 2:9, yintoni eya kwenzeka kwiintlanga?

16 Ekubeni indumiso yesibini izaliseka kanye ngoku, ebudeni bobukho bukaYesu Kristu obungabonakaliyo, yintoni eza kwenzeka kwiintlanga? Kungekudala lo Kumkani uya kuphumeza amazwi kaThixo athi: “Uya kuziqhekeza [iintlanga] ngentonga yobukhosi yentsimbi, ngokungathi sisitya sombumbi uya kuziqhekeza zibe ziingceba.”—INdumiso 2:9.

17 Iintonga zeenkosi mandulo zaziyimiqondiso yegunya lasebukhosini. Ezinye zezi ntonga zazenziwe ngentsimbi, njengaleyo kuthethwa ngayo kule ndumiso. Isafobe esisetyenziswe apha sibonisa indlela uKristu uKumkani aya kuzitshabalalisa ngayo ngokulula iintlanga. Isithonga esinamandla ngentonga yentsimbi siya kuyiqhekeza ibe ziingceba ingqayi yodongwe, ingaze iphinde ingcibeke.

18, 19. Ukuze uThixo akholiswe ngabo, yintoni ookumkani bomhlaba abafanele bayenze?

18 Ngaba abalawuli beentlanga banyanzelekile ukuba bajamelane nentshabalaliso enjalo? Akunjalo, kuba umdumisi uyabacenga esithi: “Ngoku ke, bokumkani, sebenzisani ingqiqo; zivumeleni nilungiswe, bagwebi bomhlaba.” (INdumiso 2:10) Ookumkani bacelwa ukuba banikele ingqalelo, basebenzise ingqiqo. Bafanele bakuqonde ukungabi nto kwamacebo abo, ngokuchasene noko uBukumkani bukaThixo buya kukwenzela abantu.

19 Ukuze uThixo akholiswe ngabo, ookumkani bomhlaba bafanele baguqule ikhondo labo. Bayalelwa ukuba ‘bamkhonze uYehova ngokoyika bavuye ngokungcangcazela.’ (INdumiso 2:11) Kuthekani ukuba babeza kwenjenjalo? Kunokwenza uqhushululu, okanye benze ingqushungqushu, banokuvuyiswa zizinto uKumkani onguMesiya abathembisa zona. Kuya kufuneka abalawuli bomhlaba bayeke ukuba nekratshi nokuziphakamisa kwindlela abalawula ngayo. Ukongezelela, kuza kufuneka ngokukhawuleza babonakalise ingqiqo ngokuphathelele ubukhulu begunya lobukhosi bukaYehova negunya likaThixo neloKumkani wakhe onguMesiya elingenakuxhathiswa mntu.

“Mangeni Unyana”

20, 21. Kuthetha ukuthini ‘ukwanga unyana’?

20 Ngoku INdumiso 2 iyabacenga abalawuli beentlanga. Kunokuba bahlanganisane bechasa, bayakhuthazwa: “Mangeni unyana, ukuze Yena [uYehova uThixo] angabi nomsindo nani ningatshabalali endleleni, kuba umsindo wakhe uvutha lula.” (INdumiso 2:12a) INkosi enguMongami uYehova ifanele ithotyelwe xa iyalela okuthile. Xa uThixo wayebeka uNyana wakhe etroneni, abalawuli bomhlaba babefanele bayeke ‘ukudumzela into engento.’ Babefanele ngoko nangoko bamamkele uKumkani baze bamthobele ngokupheleleyo.

21 Kutheni befanele ‘bamange unyana’? Ngexesha lokuqanjwa kwale ndumiso, ukwanga kwakuyindlela yokubonakalisa ubuhlobo yaye leyo yayiyindlela yokwamkela iindwendwe ekhayeni likabani, apho zazinokwenzelwa khona izinwe. Kwakhona ukwanga kusenokuba sisenzo sokunyaniseka, okanye sokuthembeka. (1 Samuweli 10:1) Kule ndinyana yendumiso yesibini, uThixo uyalela iintlanga ukuba zimange, okanye zimamkele uNyana wakhe njengoKumkani othanjisiweyo.

22. Abalawuli beentlanga bafanele bathobele siphi isilumkiso?

22 Abo bangafuniyo ukulamkela igunya loKumkani kaThixo amnyulileyo bamnyol’ esweni uYehova. Abalwamkeli ulongamo lukaYehova uThixo lwendalo iphela negunya lakhe namandla anawo okunyula oyena Kumkani onokubalawula kakuhle abantu. Abalawuli beentlanga baya kufumanisa ukuba baya kufikelwa ngumsindo kaThixo ngequbuliso, xa bezama ukuphumeza amacebo abo. “Umsindo wakhe uvutha lula,” okanye ucaphuka msinya yaye akanqandeki. Abalawuli beentlanga bafanele bakuvuyele ukusamkela esi silumkiso baze basithobele. Ukwenjenjalo kuthetha ubomi.

23. Kusekho ixesha lokuba mntu ngamnye enze ntoni?

23 Le ndumiso ichukumisayo iqukumbela ngokuthi: “Banoyolo bonke abo basabela kuye [uYehova].” (INdumiso 2:12b) Kusekho ixesha eliseleyo ukuze abantu basinde. Oku kunjalo nangabalawuli abebexhasa amacebo eentlanga. Basenokubalekela kuYehova okhusela abantu ngolawulo loBukumkani bakhe. Kodwa bafanele bathabathe amanyathelo ngaphambi kokuba uBukumkani bukaMesiya butshabalalise iintlanga ezingavumiyo.

24. Sinokuphila njani ubomi obanelisa ngakumbi kwanakweli hlabathi lineengxaki?

24 Ukuba sizifundisisa ngenyameko iZibhalo size sisebenzise isiluleko sazo, sinokuphila ubomi obanelisa ngakumbi kwanangoku kweli hlabathi lineengxaki. Ukusebenzisa isiluleko seZibhalo kubangela iintsapho ezonwabe ngakumbi nezikhululekileyo kwiingxaki ezininzi nakwizinto ezixhalabisa eli hlabathi. Ukulandela ukhokelo lweBhayibhile kusenza siqiniseke ukuba siyamkholisa uMdali. Akakho omnye ngaphandle koMongami Wendalo Iphela onokusinika ithemba “kobu bomi nakobo buzayo” emva kokubashenxisa emhlabeni bonke abo bachasa into elungileyo ngokuchasa ulawulo loBukumkani—1 Timoti 4:8.

25. Ekubeni “ummiselo kaYehova” ungenakusilela, yintoni esinokulindela ukuba iza kwenzeka kwixesha lethu?

25 “Ummiselo kaYehova” awunakusilela. NjengoMdali wethu, uThixo uyakwazi okona kubalungeleyo abantu yaye uya kuyizalisekisa injongo yakhe yokusikelela abantu abathobelayo ngoxolo, ulwaneliseko, nonqabiseko oluhlala luhleli kuBukumkani boNyana wakhe amthandayo. Ngokuphathelele ixesha lethu, umprofeti uDaniyeli wabhala: “Ngemihla yabo kumkani uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. . . . Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Daniyeli 2:44) Ngokuqinisekileyo ke ngoko, ngoku lixesha ‘lokumanga uNyana’ size sikhonze iNkosi enguMongami, uYehova!

[Imibhalo esemazantsi]

a Ekuqaleni, uKumkani uDavide ‘wayengumthanjiswa,’ yaye “ookumkani bomhlaba” yayingabalawuli bamaFilisti ababuthana ndawonye besilwa naye.

b Ezinye iindinyana kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike zibonisa ukuba uYesu nguMthanjiswa kaThixo ekuthethwe ngaye kwindumiso yesibini. Oku kubonakala xa uthelekisa INdumiso 2:7 neZenzo 13:32, 33 namaHebhere 1:5; 5:5. Kwakhona bona INdumiso 2:9 neSityhilelo 2:27.

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Yintoni le “engento” amaqela eentlanga ‘ebeqhubeka eyidumzelela’?

• Kutheni uYehova ezigculela iintlanga?

• Nguwuphi ummiselo kaThixo ochasene neentlanga?

• Kuthetha ukuthini ‘ukumanga unyana’?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 16]

UDavide wavuma ingoma ngoloyiso loKumkani onguMesiya

[Umfanekiso okwiphepha 17]

Abalawuli nabantu bakwaSirayeli benza iyelenqe ngokuchasene noYesu Kristu

[Umfanekiso okwiphepha 18]

UKristu uye wamiselwa njengoKumkani kwiNtaba yaseZiyon yasezulwini