Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zibekele Usukelo Lokomoya Ukuze Uzukise UMdali Wakho

Zibekele Usukelo Lokomoya Ukuze Uzukise UMdali Wakho

Zibekele Usukelo Lokomoya Ukuze Uzukise UMdali Wakho

“XA UMNTU engazi ukuba uya kwiliphi izibuko, akanamsebenzi nokuba umoya uza kwiliphi na icala.” La mazwi, athethwa sisithandi sobulumko esingumRoma senkulungwane yokuqala, atyhila ubunyani bokuba ukuze ubomi bube nenjongo, kubalulekile ukuba nosukelo.

IBhayibhile ithetha ngemizekelo yabantu ababezibekela usukelo. Esebenza iminyaka enokuba ngama-50, uNowa “wakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe.” Umprofeti uMoses “wayekhangele ngenyameko emvuzweni.” (Hebhere 11:7, 26) Ilandela likaMoses, uYoshuwa, labekelwa usukelo nguThixo lokuba oyise ilizwe laseKanan.—Duteronomi 3:21, 22, 28; Yoshuwa 12:7-24.

Kwinkulungwane yokuqala kwiXesha Eliqhelekileyo, usukelo lokomoya lukampostile uPawulos ngokuqinisekileyo lwaluphenjelelwe ngamazwi kaYesu okuba “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo.” (Mateyu 24:14) Ekhuthazwa zizigidimi nayimibono evela kwiNkosi uYesu, kuquka nesabelo “sokuthwala igama [likaYesu] ezintlangeni,” uPawulos waba nendima ebalulekileyo ekusekeni amabandla amaninzi amaKristu ukutyhubela iAsia Minor naseYurophu.—IZenzo 9:15; Kolose 1:23.

Ewe, abakhonzi bakaYehova ukutyhubela iinkulungwane baye bazibekela usukelo baze balufikelela ukuze bazukise uThixo. Thina namhlanje sinokuzibekela njani usukelo lokomoya? Luhlobo olunjani losukelo esinokuzibekela lona, yaye ngawaphi amanyathelo asebenzayo esinokuwathabatha ukuze sifikelele usukelo lwethu?

Kubalulekile Ukuba Neenjongo Ezifanelekileyo

Umntu unokuzibekela usukelo phantse kuyo yonke into ebomini, yaye eli hlabathi linabantu abathanda ukuzibekela usukelo. Noko ke, usukelo lwezinto zokomoya alufani namabhongo eli hlabathi. Ehlabathini abantu bazibekela usukelo kuba bekufuna ngamandla ukuba zizityebi yaye benyolukele izikhundla ezithile. Hayi indlela ebekuya kuba yimpazamo ngayo ukuzibekela usukelo kuba sifuna isikhundla nokubalasela! Usukelo oluzukisa uYehova uThixo lunxulumene ngokuthe ngqo nokumnqula nezilangazelelo zoBukumkani. (Mateyu 6:33) Usukelo olunjalo lubangelwa kukumthanda uThixo nabantu nokuba nozinikelo lobuthixo.—Mateyu 22:37-39; 1 Timoti 4:7.

Sifanele sibe neenjongo ezifanelekileyo njengoko sizibekela yaye sifikelela usukelo lokomoya, enoba lolokwandisa inkonzo yethu okanye ukwenza inkqubela ngokomoya. Sekunjalo, maxa wambi usukelo oluneenjongo ezifanelekileyo alufikelelwa. Sinokuzibekela njani usukelo size siqiniseke ukuba siya kulufikelela?

Kubalulekile Ukuba Nomnqweno Onamandla

Cinga ngendlela uYehova aye wakufeza ngayo ukudala indalo iphela. Ngamazwi athi “kwahlwa, kwasa,” uYehova wachaza amaxesha alandelelanayo okudala. (Genesis 1:5, 8, 13, 19, 23, 31) Ekuqaleni kwexesha ngalinye lokudala, wayelwazi usukelo lwakhe lolo suku. Yaye uThixo wayizalisekisa injongo yakhe yokudala izinto. (ISityhilelo 4:11) Usolusapho uYobhi wathi: “Nomphefumlo wakhe [uYehova] uyanqwena, kwaye uya kukwenza.” (Yobhi 23:13) Hayi indlela ekumele ukuba uYehova waziva aneliseke ngayo xa ebona “zonke izinto awayezenzile” waza wathi “zilunge gqitha”!—Genesis 1:31.

Ukuze usukelo lwethu silufikelele, nathi sifanele sikufune ngamandla ukulufikelela. Yintoni eya kusinceda sibe nomnqweno onamandla ngolo hlobo? Nangona emhlabeni kwakusenyanyeni yaye kusenkangala, uYehova wayeyibona into oza kuba yiyo— into exabiseke gqitha, ebangela ukuba azukiswe aze adunyiswe. Ngokufanayo, sinokuba nomnqweno esifuna ngamandla ukuba uphumelele ngokucamngca ngomphumo nangeenzuzo zokufikelela usukelo oluthile. Wenza ngolo hlobo uTony oneminyaka eli-19 ubudala. Akazange ayilibale indlela awavakalelwa ngayo xa etyelela okwesihlandlo sokuqala iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eNtshona Yurophu. Ukususela ngoko, umbuzo awayesoloko ezibuza wona uTony uthi, ‘Kunokuba njani ukuhlala nokukhonza kwindawo enjalo?’ UTony akazange ayeke ukucinga ngako, waza waqhubeka ezama ukulufikelela olo sukelo. Hayi indlela awavuya ngayo xa kwiminyaka embalwa kamva wamkelwa ukuba asebenze kwelo sebe!

Kwakhona ukunxulumana nabathile abaye bafikelela usukelo oluthile kunokusenza sifune ukulufikelela nathi. UJayson, oneminyaka engama-30 ubudala, wayengakuthandi ukuya kwinkonzo yasentsimini xa wayekwishumi elivisayo. Kodwa emva kokugqiba kwisikolo samabanga aphakamileyo, waqalisa ukuba nguvulindlela othe ngxi, ngaloo ndlela esiba ngumvakalisi woBukumkani wexesha elizeleyo. Yintoni eyanceda uJayson anqwenele ukuba nguvulindlela? Uyaphendula: “Kuye kwandiphembelela ngamandla ukuthetha nokusebenza nabaye baba ngoovulindlela entsimini.”

Kunokuba Luncedo Ukulubhala Phantsi Usukelo Lwethu

Into esiyicinga nje icaca nangakumbi xa siyithetha. USolomon wathi amazwi afanelekileyo anokuba namandla njengeemviko ekusikhokeleni ebomini. (INtshumayeli 12:11) Xa loo mazwi abhalwe phantsi, ayabetheleleka engqondweni nasentliziyweni. Yiloo nto uYehova wayalela ookumkani bakwaSirayeli ukuba bazenzele umbhalo wobuqu woMthetho. (Duteronomi 17:18) Ngoko ke sisenokufuna ukulubhala phantsi ephepheni usukelo lwethu nendlela yokulufikelela, sibhale nezinto ezinokusithintela ekulufikeleleni nendlela yokuhlangabezana nazo. Kwakhona kunokuba luncedo ukuphawula nezinto esifanele sizazi, ubugcisa esifanele sibe nabo, nabantu abanokusinceda baze basixhase.

Ukuzibekela usukelo lokomoya kuye kwamnceda ukuba azinze uGeoffrey, osele enguvulindlela okhethekileyo kangangethuba elide kwintsimi engabelwanga bani kwilizwe laseAsia. Umfazi wakhe wafa ngesiquphe. Ezama ukuhlengahlengisa izinto, uGeoffrey wagqiba kwelokuba azigcine exakekile kwinkonzo yobuvulindlela ngokuthi azibekele usukelo. Emva kokubhala oko akucebayo ephepheni, ngomthandazo wazenzela usukelo lokuqalisa izifundo zeBhayibhile ezithathu ekupheleni kwaloo nyanga. Suku ngalunye, wayehlolisisa oko akwenzileyo, yaye rhoqo emva kweentsuku ezilishumi, wayejonga inkqubela ayenzileyo. Ngaba walufikelela olo sukelo? Utsho ngovuyo esithi walufikelela, kuba waqalisa izifundo zeBhayibhile ezitsha ezine!

Zibekele Usukelo Onokulufikelela Kamsinya Njengokhuthazo

Olunye usukelo lunokubonakala lungenakufikeleleka. UTony, okhankanywe ngaphambilana, wayecinga ukuba liphupha nje ukukhonza kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova. Oko kwakunjalo kuba ubomi aweyebuphila babubhek’ ecaleni, yaye wayengekazahluleli kuThixo. Kodwa uTony wagqiba kwelokuba avisisanise ubomi bakhe neendlela zikaYehova waza wazibekela usukelo lokuba akufanelekele ukubhaptizwa. Emva kokufikelela olo sukelo, wazibekela usukelo lokuba nguvulindlela ongumncedani nothe ngxi, ebhala kwikhalenda yakhe usuku aza kuqalisa ngalo. Emva kokuba enguvulindlela kangangethuba, ukusebenza kwiofisi yesebe akuzange kukhangeleke njengosukelo olungenakufikeleleka.

Nathi sinokuzibekela usukelo esinokulufikelela kamsinya ukuze sikwazi ukufikelela usukelo lwexesha elizayo. Usukelo esiza kulufikelela kamsinya lusenokusikhuthaza sikwazi ukufikelela nolunye usukelo lwexesha elizayo. Ukuhlolisisa inkqubela esiyenzayo rhoqo kunokusinceda sigcine iingqondo zethu zinikele ingqalelo kolo sukelo. Ukuhlala sithandaza kuYehova ngamalungiselelo ethu kuya kusinceda sihlale kwelo khondo. Umpostile uPawulos wasibongoza esithi: “Thandazani ngokungapheziyo.”—1 Tesalonika 5:17.

Kufuneka Ukuzimisela Nokuzingisa

Phezu kwako nje ukuzibekela usukelo nokufuna ngamandla ukulufikelela, olunye usukelo asikwazi ukulufikelela. Hayi indlela umfundi uYohane Marko ekumele ukuba wadana ngayo xa umpostile uPawulos engazange afune ukuhamba naye xa wayesiya kuhambo lwakhe lwesibini lokushumayela! (IZenzo 15:37-40) Kwafuneka ukuba uMarko afunde koku aze ahlengahlengise usukelo lwakhe ukuze enze okungakumbi enkonzweni. Kubonakala ukuba wenjenjalo. Kamva, uPawulos wathetha kakuhle ngoMarko waza wanxulumana ngokusondeleyo nompostile uPetros eBhabhiloni. (2 Timoti 4:11; 1 Petros 5:13) Mhlawumbi elona lungelo likhulu awalifumanayo kukubhala ingxelo ephefumlelweyo yobomi nobulungiseleli bukaYesu.

Xa sizibekela usukelo lokomoya, nathi sinokuhlangabezana neengxaki. Kunokuba sinikezele, simele sihlolisise usukelo lwethu kwakhona size senze uhlengahlengiso. Xa kuvela iingxaki, simele sizimisele ukwenza inkqubela size sizingise. UKumkani uSolomon osisilumko usiqinisekisa esithi: “Qengqela kuYehova imisebenzi yakho yaye amacebo akho aya kumiselwa ngokuqinileyo.”—IMizekeliso 16:3.

Sekunjalo, maxa wambi iimeko zisibangela singakwazi ukufikelela usukelo oluthile. Ngokomzekelo, impilo enkenenkene neembopheleleko zentsapho zinokwenza singakwazi ukufikelela usukelo oluthile. Singaze silibale ukuba owona mvuzo bubomi obungunaphakade—ezulwini okanye kwiParadesi esemhlabeni. (Luka 23:43; Filipi 3:13, 14) Oku sinokukufikelela njani? Umpostile uYohane wabhala: “Lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yohane 2:17) Nangona iimeko zethu zisenokungasivumeli ukuba sifikelele usukelo oluthile, sinokukwazi ‘ukoyika uThixo oyinyaniso size sigcine imiyalelo yakhe.’ (INtshumayeli 12:13) Usukelo lokomoya lusinceda sinikele ingqalelo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. Ngoko ke masizibekele usukelo lokomoya size sizukise uMdali.

[Ibhokisi ekwiphepha 22]

Usukelo Lokomoya Onokucinga Ngalo

○ Ukufunda iBhayibhile imihla ngemihla

○ Ukufunda nkupho nganye yeMboniselo noVukani!

○ Ukuphucula imithandazo yethu

○ Ukubonakalisa isiqhamo somoya

○ Ukwenza okungakumbi enkonzweni

○ Ukuphumelela ngakumbi ekushumayeleni nasekufundiseni

○ Ukuhlakulela ubugcisa obuthile njengokunikela ubungqina ngomnxeba, ngokungacwangciswanga nakummandla wamashishini