Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Yintoni efuziselwa lilungiselelo lonyaka weNtlokoma ekuthethwe ngalo kwiLevitikus isahluko 25?

UMthetho kaMoses wamisela ukuba ‘ngonyaka wesixhenxe kubekho isabatha yophumlo olupheleleyo elizweni.’ Ngokuphathelele loo nyaka, amaSirayeli ayalelwa: “Uze ungayihlwayeli ngembewu intsimi yakho, ungasitheni nesidiliya sakho. Ungawuvuni ummilela wesivuno sakho, neediliya zomdiliya wakho ongathenwanga uze ungazibuthi. Yoba ngunyaka wesabatha yophumlo olupheleleyo elizweni.” (Levitikus 25:4, 5) Ngenxa yoko, ngamnye unyaka wesixhenxe kwakufanele ube ngunyaka weSabatha kwelo lizwe. Yaye nyaka ngamnye wama-50, unyaka osemva kweeSabatha ezisixhenxe, wawuza kuba ngunyaka weNtlokoma. Yintoni eyayiza kwenzeka ngaloo nyaka?

Esebenzisa uMoses, uYehova wathi kumaSirayeli: “Nimele niwungcwalise unyaka wamashumi amahlanu, nibhengeze inkululeko ezweni kubemi balo bonke. Woba yiNtlokoma kuni, yaye ngamnye kuni umele abuyele elifeni lakhe nasentsatsheni yakhe. Woba yiNtlokoma kuni unyaka lowo wamashumi amahlanu. Nize ningahlwayeli mbewu yaye ningawuvuni ummilela kwaye ningazibuthi neediliya zomdiliya ongathenwanga.” (Levitikus 25:10, 11) INtlokoma yayiza kuthetha iminyaka emibini elandelelanayo yeSabatha elizweni. Kodwa kubemi bawo, kwakuza kuthetha inkululeko. Nawaphi na amaYuda awayethengiswe ebukhobokeni ayeza kukhululwa. Umhlaba olilifa ekwakunyanzelekile ukuba ubani awuthengise wawuza kubuyiselwa kwintsapho yakhe. INtlokoma yayiza kuba ngunyaka wokuhlaziya nowenkululeko kuSirayeli wamandulo. Oku kufuzisela ntoni kumaKristu?

Ukuvukela komntu wokuqala, uAdam, kwafaka abantu kubukhoboka besono. Ilungiselelo likaThixo lokukhulula abantu kumakhamandela esono lidini lentlawulelo likaYesu Kristu. a (Mateyu 20:28; Yohane 3:16; 1 Yohane 2:1, 2) AmaKristu akhululwa nini kumthetho wesono? Ethetha namaKristu athanjisiweyo, umpostile uPawulos wathi: “Umthetho womoya lowo onika ubomi ngokumanyene noKristu Yesu unikhulule kumthetho wesono nowokufa.” (Roma 8:2) Abo banethemba lokuphila ezulwini bafumana le nkululeko xa bethanjiswa ngomoya oyingcwele. Nangona benemizimba yenyama nengafezekanga, uThixo ubavakalisa bengamalungisa yaye ubamkela njengoonyana bakhe bokomoya. (Roma 3:24; 8:16, 17) Kubathanjiswa njengeqela, iNtlokoma yamaKristu yaqala ngePentekoste yowama-33 C.E.

Kuthekani ‘ngezinye izimvu,’ ezinethemba lokuphila emhlabeni ngonaphakade? (Yohane 10:16) Kwezinye izimvu, uLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka luya kuba lixesha lokubuyiselwa nenkululeko. Ebudeni bale Ntlokoma Yeminyaka Eliwaka, uYesu uya kusebenzisa iinzuzo zedini lakhe lentlawulelo kubantu abakholwayo yaye uya kuguqula imiphumo yesono. (ISityhilelo 21:3, 4) Ngasekupheleni koLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka, abantu baya kufezeka yaye baya kukhululwa kwisono nokufa. (Roma 8:21) Emva kokuba oko kwenzekile, iNtlokoma yamaKristu iya kuphela.

[Umbhalo osemazantsi]

a Enyanisweni, uYesu wayethunywe “ukubhengeza inkululeko kwabo bathinjiweyo.” (Isaya 61:1-7; Luka 4:16-21) Wavakalisa inkululeko engokomoya.

[Umfanekiso okwiphepha 26]

INtlokoma Yeminyaka Eliwaka—ixesha lokubuyiselwa nelenkululeko ‘kwezinye izimvu’