Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukufa—Intlungu Engenakuphepheka!

Ukufa—Intlungu Engenakuphepheka!

Ukufa—Intlungu Engenakuphepheka!

“EZALWA nje umntu, ihlala isaziwa into yokuba usenokufa nanini na,” wabhala wenjenjalo umbhali-mbali waseBritani uArnold Toynbee. Wongezelela wathi: “Yaye eneneni ugqibela ngokufa.” Intlungu yokufelwa lilungu lentsapho esilithandayo okanye umhlobo osenyongweni, ayithetheki!

Ukutyhubela amawaka eminyaka umntu ubesoloko elixhoba lokoyika ukufa. Xa umntu esimthandayo esifa, siziva singento yanto. Akukho mntu unokukuphepha ukufa. Xa sikule ntlungu sifana nje nabantwana—siphelelwa ngamandla. Intlungu ayinakuncipha kuba umntu esisityebi okanye enamandla. Nditsho nezona nkcuba-buchopho, zima nematha. Amakhalipha aye afane nje nabo bankenenkene, angakwazi ukuzibamba.

UKumkani uDavide wakwaSirayeli wamandulo waba kuloo ntlungu xa kwafa unyana wakhe uAbhisalom. Akuva iindaba zokufa konyana wakhe, lo kumkani walila waza wadanduluka wathi: “Nyana wam Abhisalom, nyana wam, nyana wam Abhisalom! Owu akwaba bekufe mna, esikhundleni sakho, Abhisalom nyana wam, nyana wam!” (2 Samuweli 18:33) Eli gorha lokumkani elazoyisayo iintshaba zalo ezinamandla, laziva lingento yanto laza lanqwenela ukuba akwaba olu ‘tshaba lokugqibela, lukukufa,’ belusube lona endaweni yonyana walo.—1 Korinte 15:26.

Ngaba sikho isicombululo sokufa? Ukuba kunjalo, liyintoni ithemba ngabafileyo? Ngaba siya kuze siphinde sibabone abantu esibathandayo abafayo? Iimpendulo zale mibuzo ezisekelwe eZibhalweni, siza kuzifumana kwinqaku elilandelayo.