Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sahlangulwa ‘Ngegazi Elixabisekileyo’

Sahlangulwa ‘Ngegazi Elixabisekileyo’

“Simele Sithobele UThixo Njengomlawuli Kunabantu”

Sahlangulwa ‘Ngegazi Elixabisekileyo’

ESONA senzo sibalaseleyo sothando senziwa nguYehova kukuthumela uNyana okuphela kwamzeleyo ukuba aze kunikela ngobomi bakhe obufezekileyo njengentlawulelo. Njengabantu abanesono, siyifuna ngokwenene loo ntlangulo ekubeni kungekho mntu ungafezekanga “onokumkhulula nangayiphi na indlela umzalwana wakhe, okanye anike uThixo intlawulelo ngaye . . . ukuba ufanele aphile ngonaphakade.” (INdumiso 49:6-9) Hayi indlela esinombulelo ngayo kuThixo kuba “wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade”!—Yohane 3:16.

Isihlangula njani intlawulelo? Makhe sihlolisise iindlela ezine esifumana inkululeko ngazo ngenxa yesi senzo sothando singalibalekiyo sikaYehova uThixo.

Intlawulelo Iyasikhulula

Okokuqala, idini likaYesu linokusihlangula kwisono esasizuz’ ilifa. Sonke sazalelwa esonweni. Ewe, sinaso isono enoba asikawaphuli umthetho kaYehova. Njani? AmaRoma 5:12 athi: “Isono sangena ngamntu mnye [ngoAdam] ehlabathini nokufa ngaso isono.” Njengabantwana baka-Adam onesono, siye sakuzuz’ ilifa ukungafezeki. Noko ke, ngenxa yentlawulelo siyakwazi ukukhululeka kubukhoboka besono. (Roma 5:16) UYesu ‘wangcamla ukufa ngenxa yabantu bonke,’ ehlawulela isono senzala ka-Adam.—Hebhere 2:9; 2 Korinte 5:21; 1 Petros 2:24.

Okwesibini, intlawulelo inokusikhulula kwimiphumo ebulalayo yesono. “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” (Roma 6:23) Isohlwayo sesono kukufa. Ngokufa kwakhe okulidini, uNyana kaThixo wabangela ukuba uluntu oluthobelayo lukwazi ukufumana ubomi obungunaphakade. Eneneni, “lowo ubonisa ukholo kuNyana unobomi obungunaphakade; lowo ungamthobeliyo uNyana akayi kububona ubomi.”—Yohane 3:36.

Phawula ukuba sinokukhululwa kwimiphumo yesono kuphela xa sibonisa ukholo kuNyana kaThixo. Oku kuquka ukutshintsha ubomi bethu sibuvisisanise nokuthanda kukaThixo. Simele siyeke naliphi na ikhondo eliphosakeleyo ekusenokwenzeka ukuba besiphila ngalo size senze oko kukholisa uThixo. Umpostile uPetros wathi kufuneka ‘siguquke, sijike khon’ ukuze zicinywe izono zethu.’—IZenzo 3:19.

Okwesithathu, idini elanikelwa nguYesu lisenza sibe nesazela esicocekileyo. Bonke abo bazahlulela kuYehova baze babe ngabafundi boNyana wakhe ababhaptiziweyo bafumana intuthuzelo. (Mateyu 11:28-30) Nangona singafezekanga, sivuyiswa kukukhonza uThixo ngesazela esicocekileyo. (1 Timoti 3:9; 1 Petros 3:21) Xa sizivuma izono zethu size siziyeke, senzelwa inceba size siyeke ukukhathazwa sisazela.—IMizekeliso 28:13.

Iyasinceda Ize Isinike Ithemba

Okokugqibela, xa sibonisa ukholo kwintlawulelo asibi naloyiko ngokuphathelele ukuma kwethu noThixo. Umpostile uYohane wabhala wathi: “Ukuba nabani na uthi enze isono, sinaye umncedi kuBawo, uYesu Kristu.” (1 Yohane 2:1) Ngokuphathelele indima kaYesu njengomncedi, umpostile uPawulos wabhala: “Uyakwazi kwanokubasindisa ngokupheleleyo abo basondela kuThixo ngaye, ngenxa yokuba usoloko ephila ukuze ababongozele.” (Hebhere 7:25) Logama nje sisenesono, siya kuhlala silufuna uncedo loMbingeleli Omkhulu, uYesu Kristu ukuze asincede sibe nokuma okuhle noThixo. UYesu waba nguye njani umbingeleli omkhulu ngenxa yethu?

Kwiintsuku ezingama-40 emva kokuvuswa kwakhe ngowama-33 C.E., uYesu wenyukela ezulwini waza wadlulisela kuThixo ‘igazi lakhe elixabisekileyo.’ Ngenxa yoko, uYesu uza kukhulula uluntu oluthobelayo esonweni nasekufeni kungekudala. a (1 Petros 1:18, 19) Ngoko ke, akuvumi na ukuba sifanele simthande yaye simthobele uYesu Kristu?

Ngaphezulu, sifanele simthande uYehova uThixo yaye simthobele. Eqhutywa luthando, wenza ilungiselelo ‘lokusikhulula ngentlawulelo.’ (1 Korinte 1:30) Ubomi esibuphilayo ngoku kwanobomi obungunaphakade esinethemba lokubunandipha, buxhomekeke kuye. Ngoko ke, sinezizathu ezivakalayo ‘zokuthobela uThixo njengomlawuli kunabantu.’—IZenzo 5:29.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona Ikhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2006, uMatshi noAprili.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 9]

NGABA UBUSAZI?

• UYesu wenyukela emazulwini ekwiNtaba yeMinquma.—IZenzo 1:9, 12.

• UYesu wabonwa ngabapostile bakhe abathembekileyo kuphela xa enyukela ezulwini.—IZenzo 1:2, 11-13.